Iindaba

UManamela noMabuyane babhula umlilo otshabalalisa iFort Hare University

Pedro Mapelo|Published

Kutshiswe izakhiwo ezibini izolo ngethuba kuqhankqalaza abafundi baseFort Hare University.

Image: Facebook

UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo, uButi Manamela, uhlabe ikhwelo kubafundi baseFort Hare University abaqhankqalazayo ngelithi mabohlukane nezenzo zodushe.

Isebe likaManamela likhuphe igxelo ebhaliweyo ebusuku izolo emva kokuba kutshiswe izakhiwo ezibini eFort Hare University ngethuba longquzulwano oluxeliweyo phakathi kwabokhuseleko nabafundi.

Kwangaxeshanye, uManamela uwamkele ngovuyo amatiletile enziwa yiNkokeli yeMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, ozama ukudibanisa abantu abaza kubamba iingxoxo nabafundi nabaphathi besikolo.

Ekuqaleni kwale veki kuqhambuke udushe eDikeni olushiye kutshe isakhiwo konzakele abafundi abaliqela emva kokungenelela kwamapolisa abezama ukugcina ucwangco.

Konzakele abanye bafuthi kudushe olwenzeke izolo kwaphinda kwatshiswa izakhiwo zesikolo ezibini - into ebangele kwakhala abantu abaninzi kumakhasi onxibelelwano.

"Ngale ntlwa, ndithethile neenkokeli zabafundi futhi ndizicengile ukuba makuyekwe ukonakaliswa impahla yesikolo. Ndithe maziqinisekise ukuba uqhankqalazo aluhambi nodushe futhi makukhuselwe abantu," utshilo uManamela. Idemesha eyenzekileyo iqikelelwa kwimali ephakathi kweR250m ukuya kwiR500m.

UMphathiswa ucele isigqeba esiphethe iFort Hare University ukuba simnike isicwangciso esigcweleyo eza kusombulula ngaso ingxaki edakumbise abantu abaninzi eMpuma Koloni.

"UProf Ahmed Bawa uzama ukudibanisa abaphathi, abafundi nabo bonke abantu abachaphazelekayo ukuze kubekho inzolo. Kuyasikhathaza ukutshatyalaliswa kwezakhiwo zesikolo futhi siyakugxeka ngoba kuphuca isizukulwane esizayo ithuba lokufumana imfundo kweli lizwe," utshilo uManamela olamkeleyo ilinge elenziwe nguMabuyane othumele igqiza eliyokubhula umlilo esokolweni.

Uthe uyalamkela ilinge elenziwe nguMabuyane othumele abantu abahloniphekileyo nabakhokele iicawe ngelizama ukuyokubhula umlilo otshabalalisa iFort Hare University.

"Ndithethile noMphathiswa wezokhuselo ephondweni, uMnu. Xolile Nqatha, oza kuqiniseisa ukuba amapolisa asebenza kakuhle ukuze kungabikho ukwanda kwezenzo zodushe. Ndicela abafundi bayeke ukonakalisa izakhiwo zesikolo.

"Masakheni iFort Hare University ngokuzixoxa iingxaki ezikhoyo," utshilo uManamela. Abafundi bacatshukiswe kukuthathwa kwelungelo labo lokuzikhethela iinkokeli ezifunwa ngabo. Abaphathi bathe iFort Hare University iza kuvalwa okwethutyana batsho beyalela abafundi ukuba bagoduke.