Iindaba

URhulumente ufuna isisombululo kwingxaki yaseFort Hare University

Pedro Mapelo|Published

Inkokeli yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, isigxekile isenzo sodushe esenzeke eFort Hare University.

Image: GCIS

Inkokeli yeMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, izigxekile izenzo zodushe ezenzeke eFort Hare University.

UMabuyane uvakalise ukungonwabi kwakhe kumajelo eendaba emva komcimbi emva kokuba abafundi baseFort Hare bavale zonke iintshukumo zesikolo kuquka nendlela engena eDikeni edolophini ngentseni yangoMvulo wale veki.

Bakwenze oku kuba besithi abaphathi beyunivesithi baze neenguqu kwisikhokelo sabafundi (SRC) ngaphandle kokubandakanya abafundi. Ngenxa yoqhankqalazo obeluhamba nodlame, kuthiwa kutshiswe isakhiwo sesikolo. Emva kokungenelela kwamaPolisa, kuye konzakala abafundi ababalekayo abanye babanjwa.

"Into eyenzeka eFort Hare imbi kakhulu. Akukho nto esiyaziyo engako ngoba inqununu yaphaya ayifuni ukuthetha noRhulumente wephondo ngezinto zeyunivesithi," utshilo uMabuyane okhuthaze ukubakho kweengxoxo phakathi kwabafuni nabaphathi beyunivesithi ukuze kuphele iqhankqalazo oluqhubekayo.

"Inqununu yaseFort Hare ayithethi noRhulumente xa kukho iingxaki ngoba ume ngelithi iyumnivesithi liziko lemfundo elizimeleyo. Ezinye iinqununu ziyasebenzisana nathi, yiFort Hare yodwa engaceli nenkxaso xa kukho iingxaki ezinje.

"Sicela uMphathiswa weZemfundo ukuba angenelele kwingxaki ekula yunivesithi. Ndiyazi ukuba uMphathiswa weZokhuselo apha ephondweni uyathetha namacala onke achaphazelekayo. Siyalikhalimela udushe nokonakaliswa kwezakhiwo. Soze kwamkeleke ukumoshwa kwempahla nokuba isizaathu sithini.

"Iyunivesithi yindawo yoluNtu. Kukho abantwana ekufuneka bafunde phaya emva kwale nto. Siyamcela uMphathiswa kazwelonke ukuba asincede nokuba akekho apha eMzantsi Afrika. Sithi makuhlalwe phantsi kusonjululwe iingxaki ezikhoyo ngabafundi nabaphathi beyunivesithi.

"Ayamkelekanga into eyenzekayo phaya ngoku ngoba uqhankqalazo luchaphazela nabantu abahamba ngendlela. Asonwabanga singuRhulumente, sicela kubekho isisombululo ngokukhawuleza," utshilo uMabuyane. Izifundo zinkqunyanyisiwe eDikeni naseMonti kude kufike uLwesine wale veki.