Iindaba

Kubanjwe indoda neegusha ezibiweyo

Cwayita Nondula|Published

Indoda, 29, ibanjwe kwindlela uN2 phakathi koQumbu naKwaBhaca ngoLwesithathu wale veki neegusha ezisibhozo ekutyholwa ukuba zibiwe.

Amalungu eQumbu Vispol esebenzisana neDistrict Stock Theft Prevention Task Team abambe lo mrhanelwa oyindoda kwingingqi yaseBlackhill ngobusuku bangoLwesithathu kwaye afumana iigusha ezisibhozo kwisithuthi sohlobo lweToyota Corolla.

Isithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo uthi ngethuba amapolisa ejikeleza kuhola wendlela uN2 phakathi koQumbu naKwaBhaca, abone isithuthi esikrokrisayo ze athi akusimisa, abarhanelwa behla kule moto babaleka.

"Inyathelo elikhawulezileyo lamapolisa likhokelele ekubeni kubanjwe umrhanelwa oneminyaka engamashumi amabini anesithoba (29) ubudala. Kufunyenwe iigusha ezisibhozo ngaphakathi kwimoto yohlobo lweToyota Corolla, ezine ebhuthini nezine kwisitulo esingasemva kwaye kwafumaniseka ukuba le mfuyo kutyholwa ukuba yabiwa KwaBhaca," utshilo uMatyolo.

UMatyolo uqhube wathi umrhanelwa ukhokele amapolisa kwikhaya lakhe eBlackhill apho kwafunyanwa ezinye iigusha ezintathu ekurhanelwa ukuba zibiwe eDecoligny, eMthatha.

Ixabiso eliqikelelwayo leegusha ezibiweyo kuthiwa limalunga neR22 000. Umrhanelwa obanjiweyo uza kuvela phambi kwenkundla kamantyi wakuQumbu ngoLwesihlanu umhla we12 kweyoMsintsi 2025, ngelokufunyanwa nemfuyo ekurhaneleka ukuba ibiwe ngelixa kusaqhutywa uphando ngalo mba.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uwaqhwabele izandla amapolisa kwiinzame zawo zokulwa ubusela bemfuyo.