Iindaba

IMpuma Koloni ifumene uphicotho lweencwadi olucocekileyo okokuqala ukusukela ngo1994

Pedro Mapelo|Published

Abaphathiswa bamasebe eMpuma Koloni bexhage iNkokeli yephondo, uLubabalo Oscar Mabuyane noTsakane Maluleke onguMphicothizimali.

Image: GCIS

Inkokeli yephondo leMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, izamkele ngovuyo olukhulu iziphumo zophicotho lweencwadi olucocekileyo. Oku kulandela ingxelo ethiwe theca nguMphicothizimali, uTsakani Maluleke, kwindibano yayizolo eMonti.

Ingxelo ibonise ukuphucuka okumandla kwicala lokusetyenziswa kwemali ngamasebe onke kaRhulumene emva kweminyaka kunzima. Kokokuqala amasebe kaRhulumente efumana uphicotho lweencwadi olungenalo ichaphaza ukusukela ekufikeni kwenkululeko ngonyaka ka1994.

UMaluleke ubalule ukuphucuka kwamasebe amabini, eleZempilo neleZemfundo, ngoba ngawona ebexinge kakhulu kwiingxaki zemali. Okwenzekileyo kuchazwe nguMabuyane njengento ekhuthazayo.

IMpuma Koloni inethuba elide iqhwalela kwicala lezolawulo nokuphathwa kwemali kumasebe kaRhulumente nakoomasipala. Kodwa uvumile kwelinye icala ukuba ukutsala nzima kwiMandela Bay Theatre Complex naRural Development Agency kusekhona.

"Yivuyeleni inkqubela - kodwa niqinise ekuhanjisweni kweenkonzo eluntwini ngendlela ecacileyo," utshilo uMaluleke. UMabuyane uthe usemkhulu umsebenzi ofuna ukwenziwa ephondweni lakhe.

"Indlela yokusebenza ikhona futhi nezicwangciso zikhona. Wonke umntu uyasebenza endaweni yakhe. Salivuyela isebe leZemfundo neleZempilo ngoba nawo anyukele ngasentla njengamanye amasebe.

"Amasebe amathandathu afumene iingxelo ezingenalo ichaphaza. Kodwa kwamanye zisekhona izinto ezifuna ingqwalasela kakhulu ukuze umsebenzi usulungeke," utshilo uMabuyane echwayitile izolo.