Iindaba

Iijaji zethu ziginywe yiNtshona, utsho uMndende

Cwayita Nondula|Published

UNjingalwazi Nokuzola Mndende usigxekile isigwebo samva nje senkundla yoMgaqo-siseko malunga nokuvunyelwa kwamadoda ukuba asebenzise iifani zabafazi bawo.

Image: YouTube/Screenshot

UNjingalwazi Nokuzola Mndende usigxekile isigwebo samva nje senkundla yoMgaqo-siseko esivumela amadoda ukuba asebenzise iifani zamakhosikazi awo xa etshata, esithi oku kudala amadoda angakhathali kwaye ayisosintu.

Ngethuba esenza udliwanondlebe neSABC, uMndende uthe akayikholelwa le nto yenzeka eMzantsi Afrika kuba kwiNkundla yoMgaqo-siseko kukho iijaji ezingamaAfrika.

"Andazi nokuba bebeyinxalenye yale nto na, le nto ayenzelwanga ama-Afrika. Singabantu abangenamdla kwizinto ezisekelwe kubuqu, kwaye andiqondi ukuba kwaboniswana nabantu bakuthi ngale nto kuba sidala amadoda angenamsebenzi, sidala amadoda agula ngokwasengqondweni, yilonto ubundlobongela obusekelwe kwisini busanda," utshilo uMndende.

UMndende uthe iifani zafika nabantu baseNtshona. "Ubumna sisiduko sam hayi ifani yam, nditsho nale ndoda, ubumna bayo sisiduko sayo. Yintoni ingxaki ngale nto yefani? Kwakhona yinto evela eNtshona," utshilo.

Uthe ngaphambi kokuba kusetyenziswe ifani, kukho iinkqubo.

"Ngubani ozondibhatalela ilobola? Ukuba umyeni wam uza kusebenzisa ifani yakwaMndende ngubani oza kusuka apha aye pha?

"Xa bethetha ngokulingana bathetha ngantoni? Bathetha ngokulingana kwaseNtshona, hayi ngendlela esenza ngayo izinto," utshilo.

UMndende uthe lo mthetho yinkqubo yaseNtshona kwaye iijaji "ziginywe yiNtshona."