UKeitumetse Mashego ongasekhoyo.
Image: Teens With Vision/Facebook
Ibuhlungu kakhulu iHoërskool Silverton ePitoli emva kokubhubha komfundi kaGrade 12 uKeitumetse Mashego, owabulawa kwisiganeko sokuvingcelwa endlini eMamelodi East ngoLwesibini nesothuse uluntu.
Kwisaziso sokubhujelwa, isikolo simchaze uKeitumetse "njengenkokeli eselula edlamkileyo, ethetha phandle – ethatha inxaxheba kwimisebenzi yesikolo nakwiinkqubo zesikolo – ebonise umdla omkhulu kuphuhliso lwesikolo nasekukhuleni kwabanye, umfundi wokwenene waseSilvie."
Inqununu yesikolo, uPatrick Mathibedi-wa-Medupe, uthe, "Egameni lesikolo, sidlulisa uvelwano lwethu olunzulu kusapho lakwaMashego ngeli xesha linzima, sicela wonke umntu ahloniphe usapho oludinga ixesha lodwa njengoko sizilile kunye."
Lo mfundi obesenza uGrade 12, nobelungiselela iimviwo zakhe zokuphela konyaka, wayengumtshana kaConstable Thapelo Mashigo – ipolisa (32) elabangela esi siganeko livingcele endlini umama walo nomtshana into engangeeyure ezilishumi elinesithandathu nesithe sakhwankqisa iMamelodi.
Ngokwengxelo yeIOL, iinkcukacha zonobangela zidizwe ngumalume weli polisa, uSteve Mphela, obenencoko namapolisa.
"UMphela uxelele iintatheli ukuba umtshana wakhe wazityand’ igila ngento ebuhlungu efunyenwe nguye. UMphela uthi ipolisa kubikwa ukuba lafumanisa ukuba umntwana ebenaye nentombi ebencuma nayo ayingowakhe, kodwa ngokabhuti wakhe," itshilo kwingxelo i-IOL.
Iingxelo zithi eli polisa libanga ngelithi unina wayeyazi le nto kwaye nemfihlo yokuba ayinguye utata, nekukholeleka ukuba yiyo eyamphambanisayo.
I'solezwe lesiXhosa libike ngaphambili ukuba amapolisa aseMamelodi East aphendule kwisehlo sokuvalelwe kwabantu endlini ngentsimbi yesibhozo kusasa ngoLwesibini, umhla wesithoba kweyoMsintsi 2025. Isithethi samapolisa uBrigadier Brenda Muridili uthe abo bajongana neziganeko ezilolu hlobo bakwazile ukwenza ipolisa likhulule umama walo osele ekhulile endlini ngentsimbi yeshumi elinanye ebusuku. Waye wanyangwa ngaboncedo lokuqala kwindawo yexhwayelo phambi kokuba asiwe esibhedlele.
"Esi siganeko sasonjululwa kanye ezinzulwini zobusuku, xa amalungu eSpecial Task Force (STF) ayeza kungena endlini ngobuchule. Ngeli xesha abo bajongana neziganeko ezilolu hlobo babesathethathethana nepolisa ukuba linikezele ngethuba kuvakala izandi ezimbini zezithonga zompu ziphuma endlini.
"Xa bengena endlini, amalungu eSTF afumana umzimba weli polisa. Njengoko babegqogqa indlu, babhaqa umzimba womtshana wepolisa oneminyaka elishumi elinesibhozo ubudala unenxeba lokudutyulwa," utshilo uMuridili.
Ityala lokubulala, ukuxhwila kwakunye nelonobangela wokubhubha libhalisiwe kwisikhululo samaPolisa eMamelodi East. ICandelo loPhando lwamaPolisa eliZimeleyo (IPID) nalo lazisiwe.
EHoërskool Silverton, ngoku kugxilwe ekuncedeni abafundi nabasebenzi bahlangabezane nokulahlekelwa ngumfundi kwiiveki nje ezimbalwa phambi kweemviwo zokugqibela.
"Wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo kwaye unyuke eluzukweni," satsho isikolo sikaKeitumetse.