Iindaba

Kubhubhe abantwana abahlanu emva kokuba iteksi itshayise ikritshi

Cwayita Nondula|Published

Iteksi eye yatshayisa ikritshi kwindawo yexhwayelo.

Image: Arrive Alive

Abantwana abathathu abaphakathi kweminyaka elithoba ukuya kwelishumi elinanye babhubhe kwindayo yexhwayelo ze abanye abalishumi elinanye bonzakala emva kokuba iteksi abebekhwele kuyo ingquzule ikritshi eImbali eMgungundlovu ngentsasa yangoLwesine. Ababini kwabonzakeleyo babhubhele endleleni eya esibhedlele.

Esi sehlo kuthiwa senzeke ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe kusasa nalapho umqhubi weteksi ethe waphulukana nolawulo lwemoto, yaphuma endleleni yaza yayongena kwikritshi yasekuhlaleni.

Ngokwengxelo yeArrive Alive, abantwana abonzakeleyo baphakathi kweminyaka elithoba neshumi elinesihlanu. Ukwenzakala kuyahluka – ababini bakwimeko emaxongo, yaye abasithoba bonzakele kakhulu.

"AbeKwaZulu Private Ambulance Service bavakalisa uvelwano olunzulu kwiintsapho nezihlobo zabo bathe baphulukana nobomi babo kule ngozi imasikizi.

"Siyabuncoma ubukroti nobungcali bamagosa ethu asebenze ngokuzimisela phantsi kweemeko ezinzima ngendlela emangalisayo. Uphando olupheleleyo ngonobangela wale ngozi luyaqhubeka," itshilo iArrive Alive kwingxelo.

Iteksi eye yatshayisa ikritshi kwindawo yexhwayelo.

Image: Arrive Alive