Abarhanelwa abathathu babanjiwe ngokuxhwila kwaze kwahlangulwa ummi waseEthiopia.
Image: Hawks
IIHawks zaseMpuma Koloni zibambe abarhanelwa abathathu ababandakanyeka kuxhwilo ze zahlangula ummi waseEthiopia eDikeni.
Eli phulo belikhokelwa liqela laseMonti, iEast London DPCI Kidnapping Task Team kwaye lixhaswa yiEast London Tracking Team, East London TRT, kwakunye neProvincial Crime Intelligence, iAmathole District Crime Intelligence kunye neqabane labucala, iGuardian Defence Security.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seeHawks, uLieutenant Colonel Avele Fumba, isiganeko siqale kuhola wendlela uN2 kufutshane nefama yaseKat Kat phakathi kweQonce neNgqushwa ngethuba kutyholwa ukuba amaxhoba amabini ahlaselwa yimoto emhlophe yeSedan.
"Abarhanelwa badubule, nabamise isithuthi samaxhoba kwaye bawanyanzela ukuba abalekele kumatyholo akufutshane. Ixhoba elinye laqhwesha ngelixa elinye laxhwilwa," utshilo uFumba.
NgoMvulo, umhla we8 kweyoMsintsi 2025, aba bantu baxhwilayo bafuna intlawulo kusapho lwexhoba, utshilo uFumba.
Uthe ngethuba lingakhange likhululwe ixhoba, iiHawks ziye zaqinisa uphando lwazo. "Ngomhla we10 kweyoMsintsi 2025, eli qela lenze iphulo lobuchule elakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa abathathu, kwafunyanwa imipu emibini kwaza kwandiswa elo phulo eDikeni apho kwafunyanwa ummi waseEthiopia evalelwe," utshilo uFumba.
Kuthiwa kwindawo ebesithele kuyo abarhanelwa badubule amagosa omthetho. IiHakws kunye namaqabane abo baziphindisele badubula abarhanelwa baza baboyisa.
"Akukho basebenzi bomthetho bonzakeleyo. Kufunyenwe imipu emithathu eyongeziweyo, nto leyo yenza ukuba ifikelele kwisihlanu sezixhobo ezingekho semthethweni," uqinisekise watsho uFumba.
INtloko yeeHawks ephondweni leMpuma Koloni, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, ulincomile eli phulo esithi, "Eli phulo lithumela umyalezo ocacileyo nongagungqiyo wokuba izaphuli mthetho aziyi kusithela eMpuma Koloni. Siza kubalandela, sijongane nabo kwaye siwachithe amaqela abo ngokuchanekileyo nangamandla."
Abarhanelwa ababanjiweyo baza kujongana nezityholo zokuxhwila, ukuzama ukubulala nokuba nemipu ngaphandle kwempephamvume. Baza kuvela phambi kweNkundla kaMantyi yaseNgqushwa ngoMvulo, umhla we15 kweyoMsintsi 2025.