Umfama ubanjelwe ukubulala emva kokuba umzimba ufunyenwe ungcwatywe kwifama yakhe.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Amapolisa aseFreyistata abambe umfama oneminyaka engamashumi asibhozo (80) ubudala emva kokufunyanwa komzimba womfana ungcwatywe kwifama yakhe.
Isithethi samapolisa aseFreyistata, uBrigadier Motantsi Makhele, ungqinile ukuba lo mzimba wafunyanwa ngomhla wama20 kweyeThupha 2025 emva kokufumana ulwazi eluntwini.
"Iqela lamapolisa aseBloemfontein lilandele iinkcukacha ezithe labakhokelela kwifama esecaleni kwendlela ephakathi kweKroonstad neWelkom, nalapho umzimba wafunyanwa khona. Kutyholwa ukuba umfi ungcwatyelwe efama. Ngenxa yemeko yokubola komzimba, iisampulu zeDNA zathathwa ukuze zihlalutywe ukuqinisekisa ukuba ngubani oswelekileyo," utshilo uMakhele.
UMakhele uthe kuvulwe idokethi ngezityholo zokubulala nokujongela phantsi ingalo yomthetho.
"Kungaqinisekiswa ukuba ixhego elineminyaka engamashumi asibhozo (80) libanjiwe kwaye lilindeleke ukuba livele enkundleni kungekudala. Kunokwenzeka ukuba abanye abantu babanjwe," uqinisekise watsho uMakhele.