Iindaba

UMasipala waseAmathole ubongoza uluntu luzingce lukhusele iziseko

Cwayita Nondula|Published

UMasipala wesithili saseAmathole usungule iphulo lokulwa ukonakaliswa kweziseko ezingundoqo.

Image: Waterweb

UMasipala wesithili saseAmathole uqalise iphulo elibizwa ‘ZINGCE – Take Pride’ ukulwa nokonakaliswa kweziseko zamanzi nogutyulo ngoonqevu, kwaye ubongoza uluntu ukuba lusebenzisane nabo.

Lo Masipala uthi usathe gqolo ukujongana nemicelimngeni emikhulu ngenxa yokonakaliswa kweziseko ezingundoqo zamanzi nogutyulo kwisithili siphela.

"Oonqevu bamosha imibhobho yamanzi, izixhobo zombane, iivalvu, izitishi zeempompo kunye nezixhobo zokucoca eziphazamisana kakhulu nonikezelo oluthembekileyo lwamanzi acocekileyo kunye neenkonzo zogutyulo. I-ADM ihlala ilungisa okanye ifakelela iziseko ezingundoqo ezonakalisiweyo, kodwa ezi nzame zisoloko zijongelwa phantsi njengoko ukonakaliswa kwezakhiwo kusaqhubeka kungekudala emva kokulungiswa [ezi ziseko]," utshilo uSisa Msiwa osisithethi sikaMasipala.

Ukulwa nale ngxaki, iADM iphumeze iinkonzo zokhuseleko ukuze ikhusele iziseko zayo; nangona kunjalo, ithi iinkonzo zokhuseleko zitya iipokotho. Ngokokutsho kweADM, ukuthintela ukonakaliswa kweziseko ezingundoqo kufuna iqhinga elahlukileyo eligxininisa ukubandakanyeka koluntu, ulwazi loluntu, ukuphaphama kunye nokuzibandakanya.

UMsiwa uthi ngeli phulo eliyimfundiso, abahlali bayabongozwa ukuba bazingce ngeziseko zabo kwaye baxhotyiswe ngeendlela zokubona kwangethuba baze baxele iziganeko ukulwa nokonakaliswa kwezakhiwo ukukhusela iinkqubo ezixhasa iinkonzo zabo zamanzi nogutyulo.

USodolophu waseADM uAnele Ntsangani uthe: "Ukonakaliswa kwempahla lulwaphulomthetho oluhlutha uluntu lwethu iinkonzo eziyimfuneko kwaye lucinezela izibonelelo zikaMasipala. Ikhwelo kuluntu ukuba lidlale indima yalo kule ngxaki alikho malunga noMasipala ozama ukubaleka uxanduva kodwa imalunga nokuqinisekisa ukuba ukuphendula kuyenzeka kwangexesha kwaye iADM ayisebenzi yodwa."

Uluntu luyakhuthazwa ukuba luxele ukonakaliswa kwempahla, ubusela, okanye ukutsweba amanzi okanye ukuwakokotela kumnxeba kaMasipala ongu0800 236 236 okanye batsalele amapolisa ngoko nangoko ku08600 10111.