Amaxabiso amafutha ehlile ukusukela ngoLwesithathu umhla wesithathu kweyoMsintsi 2025.
Image: Tumi Pakkies / Independent Newspapers
Ixabiso lamafutha lehlile ukusukela namhlanje, ngoLwesithathu, njengoko bekubhengezwe lisebe lezezimbiwa.
Isebe lithe umyinge wexabiso leoyile ekrwada yeBrent yehlile ukusuka kwi$69.06 yeedola zaseMelika (USD) ukuya kwi$67.01 yeedola zaseMelika ngeli xesha liphantsi kovavanyo.
"Imiba ephambili enegalelo [kula maxabiso] kukwanda kwemveliso yiOPEC+ kunye nabavelisi abangekho phantsi kweOPEC (umbutho wamazwe athumela amafutha kwamanye amazwe), ukukhula okucothayo koqoqosho lwehlabathi kunye namaxabiso orhwebo angaqinisekanga.
"Umyinge wamaxabiso kumazwe ngamazwe azo zonke iimveliso zepetroli ehlile ngokuhambelana nokuhla kwamaxabiso eoyile ekrwada. Oku kukhokelele ekuthotyweni kwamagalelo kumaxabiso epetroli, iBasic Fuel Prices [BFP] nge1.88 yeesenti ilitha [c/l], idizili nge54.35 c/l kunye neparafini (illuminating) nge35.54 c/l. Amaxabiso ePropane kunye neButane nawo ehlile ngeli xesha liphantsi kovavanyo," iSebe lichaze kwingxelo.
Nalu uhlengahlengiso lwexabiso lamafutha: