Abarhanelwa abangamashumi amabini ananye (21) babanjwe ngoMvulo, umhla wokuqala kweyoMsintsi 2025, ngokuba iintambo zombane nezinye izixhobo eTransnet Electrical Depot eSwartkops, eGqeberha ezixabisa iR350 000.
Ngokwengxelo yamapolisa, aba barhanelwa babanjwe ngecala emva kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku ngalo mhla ukhankanywe ngentla. Oku kusemva kokuba oonogada belumkise amapolisa emva kokubona abantu abangene ngaphandle kwemvume eTransnet Electrical Depot.
"Amapolisa aseSwartkops aphendule emva kogqogqo kule ndawo, abarhanelwa abangamadoda angama21 baye babanjwa apho bafunyenwe bezimele kwinqwelo kunye neebhegi noobhaka ababegcwele izinto ezibiweyo," sitshilo isithethi samapolisa uKapteni Andre Beetge.
UBeetge uthe izinto ezibiweyo ziquka izixhobo zobhedu (copper busbars neentambo), iitransformers, iiswitshi zombane neentambo zombane ezixabisa malunga neR350 000. Oobhaka abathathu abafunyenweyo bekukho izixhobo zokusebenza ngaphakathi.
"Ezi zinto zithinjiwe kwaye amadoda angama21 (abaneminyaka ephakathi kwe18 kunye ne44 iminyaka) babanjwe ngezityholo zomonakalo kwiziseko ezingundoqo," utshilo uBeetge.
UMkomishinala wamaPolisa eNelson Mandela Bay, uMajor General Vuyisile Ncata, ukwamkele ukubanjwa kwabarhanelwa kwaye wathi ukubanjwa kwabo yindlela yokuqhekeza amaqela olwaphulomthetho angunobangela wokuthotywa komgangatho nokusilela kweziseko ezingundoqo kwingingqi yaseNelson Mandela Bay.