Ixhoba lezikhukhula lifumana indlu yalo yethutyana entsha.
Image: ECOTP
Iinzame zokufudusa amaxhoba ezikhukhula asaqhubeka nanjengoko abantu abaninzi bengena kwizindlu zabo zethutyana (TRUs) emva kokuhlala kumaziko amaxhoba ezikhukhula ukusukela oko izikhukhula zathwaxa iphondo leMpuma Koloni kwinyanga yeSilimela kulo nyaka.
Urhulumente wephondo leMpuma Koloni esebenzisana noMasipala wesithili iOR Tambo kwakunye namanye amahlakani oluntu aquka iSouth African Security Social Agency (SASSA) baqalisile ngokufudusa iintsapho ezithe zachaphazeleka zizikhukhula zenyanga yeSilimela eMthatha – bahlaliswe kwizindlu zethutyana eMayden Farm.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi sikarhulumente wephondo, uKhuselwa Rantjie, urhulumente wephondo sele eqalisile ukufudusa iintsapho ezingamashumi amabini anesihlanu (25), njengoko sele kusenziwa isicwangciso sokuhlaliswa kwabantu ngokwezigaba nanjengoko kusenziwa izindlu zethutyana.
URantjie uthe iinzame zokufudusa [abantu] ziyaqhubeka, zimalunga nekhulu elinamashumi amabini (120) izindlu zethutyana esele zigqityiwe kwaye kuhleli abantu kuMasipala waseMnquma.
INkulumbuso yaseMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, iyamkele inkqubo yokufuduswa kwabantu, esithi ibubungqina bokuzinikela kwephondo kunye nokukwazi ukuqokelela izibonelelo ngokukhawuleza ngexesha lesidingo.
"Eyona nto iphambili kuthi kukubuyisela isidima nozinzo kwiintsapho eziphulukene namakhaya azo ngenxa yezikhukhula. Ukufudukela eMayden Farm kuqinisekisa ukuba akukho bani ushiyekayo, kwaye inkxaso evela kwaSASSA iza kunceda kakhulu ukuba iintsapho ziphinde zakhe ubomi bazo," utshilo uMabuyane.
URantjie uqhubeke wathi olu ngenelelo luyinxenye yokuzinikela kukarhulumente okuqhubekekayo ekuqinisekiseni ukuhlaliswa ngokutsha, ukhuseleko, isidima, kunye nokuphila kakuhle koluntu oluchatshazelwe ziintlekele zendalo.
"Ukufuduswa kubonelela ngendawo yokuhlala ekhuselekileyo, yethutyana kumakhaya achatshazelwe zizikhukhula ngelixa izisombululo ezisisigxina nezexesha elide zilandelwa.
"Ukwenza lula ngakumbi olu tshintsho kwiintsapho, iSASSA iya kubonelela umzi ngamnye ochaphazelekayo ngeevawutsha ezixabisa iR2700. Ezi vawutsha zenzelwe ukuxhasa iintsapho ukuhlangabezana neemfuno zabo zangoku njengoko zihlala kumakhaya ethutyana amatsha," utshilo.