Iindaba

Amaxhoba ezikhukhula angenamakhaya eMpuma Koloni aza kuhlala kwizindlu zethutyana kungekudala

Cwayita Nondula|Published

Amaxhoba ezikhukhula eMpuma Koloni aza kuhlala kwizindlu zethutyana kungekudala.

Image: OR Tambo District Municipality

Emva kwezikhukhula ezenzeke eMpuma Koloni ekuqaleni kwenyanga yeSilimela ezishiye abantu abaninzi bengenamakhaya, zonakalisa izindlu zabantu kwaze zasuba imiphefumlo engaphezu kwekhulu, kubonakala ngathi likho ithemba kwabo badilikelwe ngamakhaya abo abahlala kumaziko amaxhoba ezikhukula.

Urhulumente wephondo ukuqinisekisile ukuba ulwakhiwo lwezindlu zethutyana lukwinqanaba eliphezulu, kwaye ezingama28 zikulungele ukuhlala abantu kwaye ezinye ezintathu ziza kugqitywa kungekudala. Izindlu zethutyana ezishiyekileyo ezingama89 zicwangciselwe ukugqityezelwa ngomhla wesixhenxe kweyeThupha 2025, singqinile satsho isithethi sikarhulumente wephondo uKhuselwa Rantjie.

Oku kulandela isithembiso sikarhulumente wephondo sokuba uza kufumana umhlaba ofanelekileyo kwaye akhele izindlu zethutyana amaxhoba angenazindlu ngenxa yezikhukhula nanjengoko elinde izindlu ezisisigxina.

URantjie uthe kuMasipala waseMnquma, isiza okanye indawo ichongwe eNew Rest, ekumgama ongaphezulu kwekhilomitha ukusuka kwiSithili soShishino esiseGcuwa (CBD).

Uthi ngoku iintsapho ezingama32 zihlaliswa kumaziko amabini amaxhoba ezikhukhula, iLillies Guest House kunye neCuba Community Hall, apho babonelelwa khona ngokutya kunye nezinto eziyimfuneko. Ezi ntsapho ziya kuhoywa kuqala ngexesha lokufuduswa.

Kuvakala ukuba kuMasipala wengingqi iKing Sabata Dalindyebo, iikontraka zikulungele ukusebenza, ukulungiselela ukufakelwa kwezindlu zethutyana ezingaphaya kwama470, eziquka ezo zinikezelwe yiDevelopment Bank of Southern Africa (DBSA), iSebe lokuHlaliswa koLuntu kuzwelonke, kwakunye namahlakani oluntu.

"Inkqubela phambili enokulinganiswa yenziwe ekuchongeni nasekufumaneni umhlaba kwiindawo ezichongiweyo eziquka eMaydene Farm, KwaLink, Tracor, Old Transkei Meat Industry kunye naseOld Enkululekweni. Umhlaba ubekelwe kufutshane neenkonzo eziyimfuneko ezifana nezikolo, iikliniki kunye neendlela zezothutho.

"Ukulungiswa kwesiza kugqityiwe KwaLink kwaye kuyaqhubeka eTracor. KwaLink, unokontraka ukwisiza ukusukela namhlanje (ngoLwesibini). Kwezinye iindawo umsebenzi ucwangciselwe ukuqalisa kule veki," uqinisekise watsho uRantjie.

Uthethwano oluqhubayo neenkokheli zemveli, abanini mhlaba, kunye nabameli boluntu kuthiwa luyaqhutywa ukuqinisekisa iinkqubo eziphandle nezibandakanyayo. Ukongeza, iinkqubo zocwangciso lweendawo nazo ziqalisiwe ukuququzelela ukusekwa kweelokishi ngokusesikweni, ukuqinisekisa ukufikelela kwiziseko ezingundoqo ezifana namanzi, ugutyulo, nombane.

Ngaphambili, iSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni (Cogta) lathi iSebe lokuHlaliswa koLuntu libeke ikhulu elinamashumi amabini ezigidi zeerandi (R120 million) ukuze kubonelelwe ngezindlu zethutyana kwaye kufunwa amakhulu amane anamashumi amathandathu ananye ezigidi zeerandi (R461 million) ukwakha zonke ezi zindlu zethutyana zamaxhoba ezikhukula. ISebe lakwaCogta eMpuma Koloni lithe kufuneka imali engaphaya kwebhiliyoni enye yeerandi (R1.7 billion) ukuze kwakhiwe izindlu ezisisigxina.