Owasetyhini ovela kwisithili saseSarah Baartman owabulala isithandwa sakhe ugwetywe ubomi.
Image: IOL
Owasetyhini (38) wesithili saseSarah Baartman ugwetywe ubomi entolongweni ngokubulala isithandwa sakhe kweyeDwarha ka2024.
Eli bhinqa, uMaria Jordaan, ugwetywe ngomhla wama23 kweyeKhala 2025 kwiNkundla yeNgingqi yaseWillowmore, ngokwengxelo kaKapteni Marius McCarthy.
Esi sigwebo silandela emva kokuba uMaria Jordaan ebanjwe kwindawo yexhwayelo apho amapolisa amfumana khona owayethandana naye ngelo xesha – umzimba kaKoos Noble –udunduluzile kwichibi legazi.
"Wavela kwiNkundla kaMantyi eWillowmore ngomhla wama31 kweyeDwarha 2024 kwaye wayalelwa ibheyile. Wagcinwa eluvalelweni de ityala laqosheliswa," utshilo uMcCarthy.
Ingxelo ithi umrhanelwa uye wavela kwiNkundla kaMantyi izihlandlo eziliqela ze ityala lakhe ladluliselwa kwiNkundla yeNgingqi apho wafunyaniswa ukuba unetyala waze wagwetywa.
Ibambela loMkomishinala weSithili iSarah Baartman, uBrigadier Asogran Naidoo, uliqhwabele izandla wadlulisa umbulelo wakhe kwigosa ebeliphanda eli tyala nakuwo onke amalungu abandakanyekayo ekuqinisekiseni ukuba umrhanelwa uyagwetywa.