UTayla Miggels olahlekileyo.
Image: SAPS
Amapolisa aseMount Road eGqeberha akhangela uTayla Miggels, 16, nowashiya ikhaya lakhe eZimdahl Street, eGelvandale ngomhla wama20 kweyoMsintsi ngo2024 akaphinda abuye.
Ngokwengxelo kaKapteni Andre Beetge, icandelo lobundlobongela bosapho, ukhuseleko lwabantwana kunye namatyala ezesondo (FCS) kwisikhululo samapolisa aseMount Road likhangela uTayla. Umama wakhe wavula ityala lomntu olahlekileyo ngomhla wama21 kweyeNkanga ka2024.
Nabani na onokuthi ancede amapolisa ngolwazi olunokubanceda ukuba bamfumane, uyabongozwa ukuba atsalele umcuphi kwicandelo leFCS eSAPS Mount Road, uDetective Sergeant Ayanda Songxaba ku071 352 4733 okanye atsalele iCrime Stop ku08600 10111.