Iindaba

Iingcebiso zokukunceda uhlale ukhuselekile ngasemanzini

Cwayita Nondula|Published

Umhla wama25 kweyeKhala 2025 luSuku lweHlabathi lokuThintela ukuRhaxwa.

Image: iStock

Nyaka ngamnye, bangaphezu kwama300 000 ababhubhayo ngenxa yokurhaxwa ehlabathini jikelele. EMzantsi Afrika kuphela, kuqikelelwa ukuba abantu abangama2700 barhaxwa ngamanzi ngo2021, ngokutsho kweWorld Health Organisation (WHO), abantwana abaneminyaka emihlanu ukuya kwelishumi elinesine ngabona basesichengeni.

Namhlanje iZiko leSizwe lokuHlangula eLwandle (NSRI) lizimanya noluntu lwehlabathi ekuqwalaseleni uSuku lweHlabathi lokuThintela ukuRhaxwa, iphulo leZizwe eziManyeneyo (UN) kunye neWHO elijolise ekufundiseni nasekukhuthazeni amanyathelo okuthintela ukurhaxwa.

INSRI, umbutho ongajonganga ngeniso, ibisoloko iphambili kumalinge okusindisa ubomi ngemfundo, ukuhlangula, kunye nothethathethwano noluntu. Amanyathelo aphambili eNSRI abandakanya imfundo yokhuseleko lwamanzi apho abantu abangaphezu kwezigidi ezihlanu (5.5 million) bafundiswa ukususela ngo2006, kunye nabantu abangama877 485 abaqeqeshwe ngo2024 kuphela.

USiyabulela Mlenze ofundisa ngokhuseleko lwamanzi eNSRI wabelane ngeengcebiso malunga nento omawuyenze nokungamele uyenze ukuze uhlale ukhuselekile xa ukufutshane namanzi.

Umhla wama25 kweyeKhala 2025 luSuku lweHlabathi lokuThintela ukuRhaxwa.

Image: NSRI

Izinto ofanele uzenze:

Khetha amalwandle anabahlanguli: Qubha kwiindawo apho abahlanguli abaqeqeshiweyo besemsebenzini - bakhona ukuze bahlale bejonge kwaye baphendule ngokukhawuleza ukuba uncedo luyafuneka.

Landela inkqubo yeflegi: Ngalo lonke ixesha qubha phakathi kweflegi ebomvu kunye netyheli. Ezi ziphawula eyona ndawo ikhuselekileyo yokuqubha, apho iimeko zijongwayo.

Gcina abantwana kufutshane: Soloko ujonge abantwana xa bekufutshane okanye besemanzini. Ukutshona kuthe cwaka, kwaye inokwenzeka ngokukhawuleza - ukubeka iliso ngalo lonke ixesha kusindisa ubomi.

Izinto ongafanele uzenze:

Musa ukuqubha kwiindawo ezingakhuselekanga okanye ezingagadwanga: Waphephe amalwandle, imilambo okanye amadama angenabahlanguli. Kusenokubonakala kuthe cwaka, kodwa ukuba kukho into engahambi kakuhle, kusenokungabikho mntu ukukuncedayo.

Musa ukuzama ukuwela imilambo enamanzi ahamba ngokukhawuleza: Amanzi ahamba ngokukhawuleza kunesiqhelo anokuba namandla kakhulu, nokuba akhangeleka engekho nzulu. Kungcono ulinde okanye ufumane enye indlela.

Musa ukuxuba utywala kunye nokuqubha okanye ukubeka iliso: Utywala buchaphazela indlela ohamba ngayo kunye nendlela othatha ngayo izigqibo. Hlala kude notywala xa ukufutshane namanzi - zigcinele iziselo xa ungekho kufutshane namanzi.

INSRI ibongoza uluntu ukuba lubeke iliso kubantwana abakufutshane namanzi, baphephe ukusela utywala nokuba kufutshane namanzi, banxibe iibhatyi zokuqubha ezibanceda bangarhaxwa, kwaye bagcine iinombolo zikaxakeka (112 okanye NSRI ku087 094 9774).

Ukufunda ngakumbi, ndwendwela: www.nsri.org.za okanye ukhangele “NSRI” kuYouTube ukuze ubukele uhlangulo lokwenyani kunye neevidiyo ezifundisayo.