Iindaba

Umtshutshisi oneziqinisekiso zomgunyathi ubanjiwe eMthatha

Cwayita Nondula|Published

ULuthando Nomandindi obesebenza njengomtshutshisi owenze iziqinisekiso zomgunyathi nokhululwe ngebheyile yeR5000.

Image: NPA

ULuthando Nomandindi (33), owenza isidanga sobugqwetha sobuxoki esithi sesakwiYunivesithi iWalter Sisulu (WSU), uvele enkundleni yaseMthatha nalapho ajongene nezityholo zobuqhophololo, umgunyathi kunye neenjongo zokugqumza.

Iqela leeHawks elizinze eMthatha, iSerious Commercial Crime Investigation (SCCI) kunye neGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) baqinisekise ukuba uLuthando Nomandindi uvele phambi kwenkundla yamatyala orhwebo eMthatha ngoLwesibini umhla wama22 kweyeKhala 2025 ngezi zityholo zikhankanywe ngasentla. Unikwe ibheyile yeR5000 kwangolo suku lokubanjwa kwakhe.

Isithethi seeHawks, uW/O Ndiphiwe Mhlakuvana, uthe ngethuba eliphakathi kweyoMqungu ka2010 ukuya kweyoMnga ka2016, uNomandindi ebebhalisele ukwenza isidanga somthetho (LLB) eWSU.

"Nangona kunjalo, kutyholwa ukuba wasilela ukuhlangabezana neemfuno zemfundo ukuze athweswe isidanga. Ngaphandle koku, ngo2020 uNomandindi uye wafaka isatifikethi esingeyonyani sesidanga seLLB kunye nengxelo yomgunyathi yeLegal Education and Development (L.E.A.D) njengenxalenye yesicelo sakhe kwinkqubo yeNPA yabanqwenela ukuba ngabatshutshisi, iAspirant Prosecutor Programme, neyayifuna isiqinisekiso esisemthethweni seLLB okanye ubungqina bonyaka wokugqibela," utshilo uMhlakuvana.

Kuthiwa ngeyoMqungu ka2021, uNomandindi wachongwa njengomtshutshisi, iAspirant Prosecutor, kule nkqubo yeNPA waza kamva wanyuselwa kwisikhundla sokuba ngumtshutshisi woluntu. Ezinye iingxelo zidiza ukuba umtyholwa uphinde wafaka isicelo sokunyuselwa kwiNkundla yeNgingqi njengomtshutshisi wenkundla esebenzisa kwa ezo ziqinisekiso zifanayo kwaye wayekuluhlu lwabantu abanokuqeshwa.

"Nangona kunjalo, iNPA yamcela ukuba angenise izatifikethi zoqobo zemfundo, uNomandindi uye warhoxa ngequbuliso nge15 kweyoKwindla 2025. Eli ziko liye lafumanisa ukuba kukho ukungangqinelani kwiziqinisekiso zakhe laze lawuthumela lo mba kwiiHawks ukuze bawuphande.

"Uphando olwenziwa ziiHawks luqinisekise ukuba iWSU ayizange inike uNomandindi isidanga seLLB kwaye neL.E.A.D nayo ayizange imnike ingxelo yokubakho kwakhe (attendance report) ngenxa yemali engekahlawulwa. Ngenxa yokunganyaniseki, iNPA yafumana ilahleko engaphaya kwesigidi seerandi (R1.1 million), ngenxa yemivuzo ehlawulwe uNomandindi ngenxa yamaxwebhu akhe obuqhophololo ukuze afumane umsebenzi. UNomandindi utyholwa ngokugqumza iNPA ngokungenisa iziqinisekiso zemfundo zomgunyathi ukuze afumane umsebenzi," utshilo uMhlakuvana.

Lo mba uya kuxoxwa kwakhona nge18 kweyeThupha 2025 ukuze kubhengezwe imixholo yedokethi.