Iindaba

Umbutho wabafundi uthi makagxothwe uMphathiswa weSebe lezeMfundo ePhakamileyo!

Pedro Mapelo|Published

UNobuhle Nkabane uphantsi koxinizelelo emva kokukhula kwezimelelo ezithi makagxothwe.

Image: Facebook

Umbutho wabafundi, iSouth African Student Federation (SASF), uthi uNobuhle Nkabane makagxothwe njengoMpathiswa weSebe lezeMfundo ePhakamileyo. Bamtyhola ngokungakwazi ukwenza umsebenzi wakhe kakuhle nokugugusheka nenyaniso ngezinto ezichaphazela isebe lakhe.

UMphathiswa unethuba elide ngoku esematheni ukusukela oko wakhohlisa iPalamente malunga nokuchonga kwakhe abantu ababeza kwenza umsebenzi ophantsi kwesebe lakhe. Ngaphezulu koko, zange awaphendule kakuhle amalungu wePalamente ngethuba emcela acacise ukuba ngoobani abamcebisayo.

"Ubufede bakhe nokungathethi kwakhe inyaniso ngendlela asebenza ngayo kuyasiphazamisa kakhulu. Indlela enze ngayo uMphathiswa ibeke isebe likaRhulumente ehlazweni futhi akakwazanga ukuqubisana neengxaki ezijamelene nabafundi," itshilo ingxelo ekhutshwe yiSASF izolo (ngoMvulo).

Iingxaki zikaNkabane zaye zanda mhla wankonya amagama wabantu awayefuna babe kwisikhokelo esasiza kulawula iqumrhu loqeqesho lezemfundo. Ukuziphatha kwakhe kakubi ePalamente kwagxekwa macala onke eMzantsi Afrika.

Izinyanzeliso zombutho wabafundi zithi: uNkabane makasuke esikhundleni. Makusungulwe nekomiti eyakuthi iphenye indlela asebenze ngayo kwisebe lezemfundo. Abafundi bathi ngeke basonge izandla izenzo zikaMpathiswa zisengela phantsi iimfuno zabafundi.

Ngaphezulu kokuba kukho abantu abathi uNkabane makagxothwe, iDemocratic Alliance ekuRhulumente woBumbano (GNU), ithe iza kuvula ityala emapoliseni namhlanje (ngoLwesibini). Ekuqaleni ibixelele uMongameli uCyril Ramaphosa ukuba makamgxothe uNkabane.