Iindaba

Izikhukula zaseMpuma Koloni: Bangaphezu kwama70 ababhubhileyo!

Cwayita Nondula|Published

Linyukile inani labantu ababhubhe kwizikhukula kwiphondo leMpuma Koloni. Kuthiwa yimizimba emithathu kuphela ethe yafaniswa.

Image: X

Inani labantu ababhubhileyo ngenxa yezikhukula linyuke ukusuka ku67 ukuya ku78 kwaye eli nani kulindeleke ukuba litshintshe njengoko imisebenzi yokukhangela nokuhlangula iqhubeka. Uninzi lwemizimba ayikafaniswa kwaye urhulumente umema abantu abanamalungu osapho alahlekileyo okanye abamelwane ukuba baye kufanisa kumaziko okugcina izidumbu.

UMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (Cogta), uVelenkosini Hlabisa, umemelela uluntu ukuba luze ngaphambili ukuze lufanise imizimba. Oku ukuthethe namhlanje ngethuba ebethetha noonondaba eMthatha ekunye noMphathiswa weSebe lezeMfundo esiSiseko, uSiviwe Gwarube, kunye namagosa aphezulu ephondweni.

"Kwimizimba ethe yaqinisekiswa ukuba ngabangasekhoyo, bathandathu kuphela abathe bafaniswa ziintsapho zabo. Kuba ngoku ezi zikhukula zigqithile, kufuneka kudlulelwe kwinqanaba elilandelayo ukuze kungcwatywe," uthethe watsho uHlabisa kwindibano noonondaba ngale njikalanga.

UHlabisa wongeze ngelithi, "Sifuna ukukhuthaza uluntu lwethu lweendawo ezichaphazelekileyo ukuba lufanise imizimba. Sifuna ukukhuthaza abamelwane xa nisazi ukuba ummelwane wakho akazange abonwe ukusukela ezi zikhukula, yiyani kwindawo yokugcina izidumbu nincedise ngokufanisa ukuze kuchazwe lowo ubhubhileyo."

Ukwathe akukho mfuneko yokuba kubhengezwe amaphondo amane, iMpuma Koloni, KwaZulu-Natal, Freyistata neNtshona Koloni nachatshazelwa yimozulu embi, uthe ulwahlulo lwanele, luvumela onke amasebe nezigaba zikarhulumente ukuba ziqale amanyathelo afanelekileyo okusabela kwizikhukula.

Lo Mphathiswa weCogta ukwadize ukuba, ekunye namanye amagosa aphezulu kurhulumente, bandwendwele zonke iindawo apho abantu bagcinwe khona.

UHlabisa uthe ukusukela kusasa batyelele iindawo ezahlukeneyo. Ethetha ngesehlo apho isithuthi esisa abafundi esikolweni sakhukhulwa zizikhukula sinabafundi ngaphakathi, uthe: "Lilishwa kuba esi sehlo bekungafanelekanga ukuba senzeke, kuba ngokucacileyo xa ubona amaqondo amanzi, bekungamelanga kwenzeke esi sehlo, siyaxolisa bazali nezalamane ezichaphazelekayo."

Uye waqinisekisa ukuba uthethe noMphathiswa wezeMpilo kuzwelonke, uGqirha Aaron Motsoaledi, malunga nokuhlolwa kwezidumbu – uye waqinisekisa ukuba isiqinisekiso sinikiwe ukuba ngentsimbi yeshumi elinesibini emva kwemini namhlanje imizimba engama49 nebiqinisekiswe izolo, igqityiwe, ekuphela kwenani eliseleyo linani elongezelelweyo.

UHlabisa ukwalindeleke ukuba abuyele ephondweni ukuze abhengeze ungenelelo malunga nezibonelelo zentlekele ngoMvulo, umhla we7 kweyeKhala 2025. "Uxanduva olukhulu lukumaphondo amane aqokelele iinkcukacha ukuze kuthathwe amanyathelo ayimfuneko ukuze nge7 kweyeKhala singenelele kwangethuba," utshilo.