Iindaba

Uze nezinye ezintsha uSamsung - kodwa ngexabiso eliphantsi!

Pedro Mapelo|Published

uSamsung uza kufaka emakethe iifowuni zakhe ezintsha kwinyanga ezayo.

Image: Samsung

Kwicandelo leemveliso leminxeba ephathwayo, uSamsung usatshotsha entla ngenxa yeemveliso zakhe ezisemgangathweni ophezulu. Eyona nto eyenza ohlukwe kwabanye abavelisi kukuba wenza iifowuni ezilungiselelwe bonke abantu ngokwahluka kwabo.

Ngomhla wesine kwinyanga yeKhala kulo nyaka, uSamsung uthembisa ngokukhupha ekhasini iifowuni ezixabisa kancinci. Iifowuli ezizayo ziquka iGalaxy A05, iGalaxy A05s, iGalaxy A06 neGalaxy A16. Zonke ziza kufumaneka ngamaxabiso aphantsi.

Kwingxelo ebhaliweyo ayikhuphileyo uSamsung kule veki, uyibeke yacaca into ethi iifowuni zakhe zezamaxabiso aphantsi - kodwa umgangatho wokusebenza kwazo uphezulu kakhulu. Ezinye zezinto ezibalasele ngazo yikhamera ecacileyo (50MP) nebhetri elihlala ixesha elide (5000mAh battery).

Zonke ziifowuni eziza kuqinisa ubomi bomthengi ngendlela emangalisayo engabulalekanga kakhulu ngokwasezimalini. Umntu ofuna ifowuni ebhetele, uza kuyifumana kwaSamsung ozifake ubuchule bale mihla. Nokuba ungumzali, umfundi okanye umsebenzi ozimeleyo - iifowuni ezintsha zenzelwe ukuxhasa ubomi bakhe.

Njengokuba ifowuni isisixhobo esibalulekileyo ebantwini nasentlalweni yoluntu ngokubanzi, ezi zintsha zenzelwe ukubanceda ngakumbi kwabaphila ngokuzenzela. Ungawenza umsebenzi wakho kaFacebook, Instagram nakuTikTok ngeGalaxy A05 exabisa iR1,899.

IGalaxy A06 ebixabisa iR2,499 ngoku ibiza iR2,299. IGalaxy A05s ebixabisa iR2,999, ngoku ibiza iR2,899 - kanti yona iGalaxy A16 ixabisa iR3,499 isuka kwiR3,999. Zonke iifowuni ezintsha ziza kufumaneka kwiivenkile ezithengisa iimveliso zobuchwephesha. Okanye umntu angathenga apha: www.samsung.com/za