Iindaba

Abafundi abahlanu baseWSU enkundleni kulandela uqhankqalazo

Cwayita Nondula|Published

Abafundi abahlanu baseWSU bajongene nezityholo eziquka ukutshisa nobundlobongela esidlangalaleni, ukubala nje ezimbalwa.

Image: WSU

Abafundi abahlanu beYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) bavele kwinkundla kamantyi eMthatha namhlanje kulandela uqhankqalazo kwikhampasi iNelson Mandela Drive eMthatha besilwela ukukhululwa ngebheyile komsebenzi wale yunivesithi owadubula wabulala umfundi kuTshazimpuzi walo nyaka.

Ngokwesithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana, aba bafundi bajongene nezityholo zokutshisa, ubundlobongela esidlangalaleni, ukonakalisa impahla kunye nokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa umzimba.

UGantana ukwaqinisekise ukuba amapolisa amane afumane umonzakalo ngethuba esenza umsebenzi wawo, banyangwa bakhululwa izolo.

Abafundi bale yunivesithi baqhankqalaze emva kokuba uMantyi ekhulule umanejala wendawo abahlala kuyo abafundi, uManelisi Mampane, notyholwa ngokudubula abulale umfundi uSisonke Mbolekwa nokwenzakalisa abanye abafundi ababini – ekhululwa ngebheyile yeR10 000 ngoLwesibini wale veki.

UGantana uthi ikhampasi kunye neendawo eziyingqongileyo ngoku zizinzile kwaye zikhuselekile. "Alukho olunye uqhankqalazo oluxeliweyo ngale ntsasa. Amacandelo eSAPS Public Order Policing asasazeke kulo mmandla ukubeka iliso kwimeko.

"I-SAPS iyakubethelela kwakhona ukuzinikela kwayo ekugcineni ucwangco nokukhusela bonke abemi. Izenzo zobundlobongela, ukonakaliswa kwempahla, kunye nokuhlaselwa kwabemi abathobela umthetho kuza kuphendulwa ngokufanelekileyo. Sibongoza abafundi kunye namalungu oluntu ukuba axele izikhalazo ngokusebenzisa amajelo asemthethweni," utshilo uGantana.

IKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo ebekhona izolo [ngoLwesithathu] ngelizokunika inkxaso abafundi. Uvakalise ukungoneliseki kwakhe kukukhululwa ngebheyile kukaMampane. "Sidikiwe ziiJaji ezinyotywayo nezithatha izigqibo ezingekhoyo nezoburhwaphilizo. Kweli tyeli asizukuhlonipha obo bubhanxa benkundla, mna ndiyinkundla kulo mhlaba, ndiza kulimisa okanye ndilitshintshe eli tyala enkundleni yam, yinto eza kwenzeka ngoku.

"Olu ayiloqhankqalazo olunobundlobongela, sisigwebo esi esinobundlobongela. Inyhasha ubomi babantu, inyhasha amalungelo abantwana bam. Ndiya kwiNtloko yeJaji, lungenelelo lwam olo ... ndithethile nabafundi, umoya wabo wehlile ngoku," utshilo uKumkani Dalindyebo.

Amapolisa amemelela ukuzola, akwathi abo baceba uqhankqalazo olungekho mthethweni baza kujongana nengalo yomthetho.