Akapheli moya uGqirha Nandipha Magudumana osa ityala eConCourt emva kokuba isibheno sakhe sikhatywe yiSCA.
Image: Timothy Bernard
Emva kokuba iNkundla ePhakamileyo yeziBheno (SCA) isikhabile isicelo sakhe sokuba ukuthathwa kwakhe eTanzania kubhengezwa njengekungekho mthethweni, uGqirha Nandipha Magudumana use ityala lakhe kwiNkundla yoMgaqo-siseko (ConCourt) ngeenjongo zokulwela inkululeko yakhe.
Ngenyanga kaCanzibe, iSCA yasikhaba isicelo sakhe sokubanjwa kwakhe eTanzania kubhengezwe njengokungekho mthethweni kwisigwebo sesininzi esivumelana noMbuso.
Ethetha neSABC, igqwetha likaMagudumana uMachini Motloung uthe bakholelwa ukuba banengxoxo ebambekayo.
"Apho sikhoyo ngoku, simi ngokuqinileyo nezizathu zesibheno esithe sazinikezela kwiSCA, imiba ephuma kwisigwebo esichasayo inesihlahla ngokwembono yethu kwaye ifanele ukuxoxwa kwiNkundla yoMgaqo-siseko," utshilo uMotloung.
UMotloung uqhube wathi umba ongundoqo kwingxoxo yabo unento yokwenza nemvume ekutyholwa ukuba [uNandipha] wayinika kwinto engekho semthethweni. "Into yesibini ebonakala ibalasele kwesi sigwebo sesininzi inento yokwenza nomba wokwamkelwa kwemilinganiselo engahambisaniyo nemigangatho yamazwe ngamazwe yokuba umntu abuyiselwe ekhaya," utshilo uMotloung.
UMagudumana wabanjwa eTanzania ngo2023 kunye nesithandwa sakhe uThabo Bester, owaqhwesha kwintolongo yaseMangaung, apho wayethothoza isigwebo sobomi.
UMagudumana kunye negqwetha lakhe kuza kufuneka bafake isicelo semvume yokubhena kwisigwebo seSCA kwiNkundla yoMgaqo-siseko.