UMphathiswa weCoGTA uVelenkosini Hlabisa ubongoza izikolo zolwaluko ukuba zithobele imigaqo yokhuseleko.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Ixesha lolwaluko laseBusika liyaqhubeka ngokusesikweni, uMphathiswa kazwelonke woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli (CoGTA), uVelenkosini Hlabisa, utyityimbisel’ umnwe izikolo zolwaluko ngelithi ukuba zithe zaphula umthetho, ziyityeshela imimiselo yokhuseleko okanye zibeka ubomi emngciphekweni ziza kuvalwa ngaphandle kwamathandabuzo.
UHlabisa uthethe oku ngethuba esungula ngokusesikweni ixesha lolwaluko lwaseBusika ka2025 ngempelaveki eBloemfontein eFreyistata. Ixesha lolwaluko kulo nyaka lisungulwe phantsi komxholo othi, "Mabaye Bephila, Babuye Bephila," ikhwelo lokhuseleko nentlalontle yabo bonke abakhwetha.
UHlabisa ubongoze abazali, iinkokheli zemveli kunye nabahlali ukuba bahlale bethe qwa kwaye baxele naziphi na iimpawu zempatho-gadalala, ukungaziphathi kakuhle, nokungathobeli.
Iingxelo zithi iMpuma Koloni iselelona phondo lihamba phambili kweli loMzantsi Afrika xa kuthethwa ngabakhwetha ababhubhayo okanye abaphulukana nobudoda babo – ilandelwa yiFreyistata. Kunyaka ophelileyo, bangaphezu kwama90 abakhwetha ababhubhayo kwaye ngaphezulu kweshumi baphulukana nobudoda babo. Ingxelo yoMphathiswa ithi iFreyistata ibhujelwe ngabakhwetha abangama26, ngelixa iMpuma Koloni yona ebibhujelwe ngabakhwetha abangama43. Ngama33 kwaba babhubhileyo eBusika kunye nama68 ababhubhe eHlotyeni, ngokwengxelo.
UHlabisa uthi amanani ayaxhalabisa. "Yiyo loo nto sisebenza nzima kulo nyaka siqinisekisa ukuba ixesha laseBusika akubhubhi mkhwetha kwaye siye sawavuselela onke amacandelo oluntu nawo onke amasebe abalulekileyo aza kusebenzisana ukuqinisekisa ukuba ngeli xesha akhukho mkhwetha ubhubhayo," utshilo.
Kutshanje, iMpuma Koloni isungule ixesha lolwaluko lwaseBusika, apho uMphathiswa wePhondo weCoGTA uZolile Williams ekhuphe umyalezo apho ebongoza abazali ukuba baqiniseke ukuba abantwana bayaxilongwa ezikliniki kwaye bafumane neencwadi eziqinisekisa oko.
Kwinqaku lakutshanje elipapashwe leli phephandaba I’solezwe lesiXhosa, uWilliams uthe: "IiNkosi kwakunye neeForum zaseMpuma Koloni zeziqiniseke ngokutyelela amabhoma nabantwana ukuqinisekisa ukuba kubonwa yonke into eyenzeka emabhumeni sikwazi ukunqanda ukonzakala kwanokusweleka kwabantwana. Sithi mabaye bephila babuye bephila kuba eli lixesha lokonwaba kwiintsapho hayi elokulila."
Iinkokheli zemveli ezohlukeneyo nazo bezineendibano zokulungiselela eli xesha lolwaluko.
USihlalo weOR Tambo Initiation Forum, uNkosi uZwelizolile Lutuka, naye uzeke emzekweni ebongoza abazali nezihlobo zabantwana baqinisekise ekubeni bayasebenzisana noRhulumente ukuqinisekisa ukhuseleko kwanokuqhutywa kwesiko ngendlela efanelekileyo.
Uqhube wathi baqaphele ukuba iingxaki ezininzi ezikhoyo zifumaneka kwezi zikolo zolwaluko zingekho semthethweni kungoko ebongoza naye ukuba zichazwe ngaphambili ezibonwayo ezinjalo.