UFloyd Shivambu uyasamkela isigqibo seMK Party sokumsusa njengoNobhala Jikelele.
Image: MK Party/X
UFloyd Shivambu ukwamkele ukuthotywa kwakhe kwisikhundla sokuba nguNobhala Jikelele weMK Party njengoko ngoku elilungu lePalamente yalo mbutho. Oku kuza emva kohambo lwakhe olugxekwe kabukhali lwaseMalawi nalapho ebetyelele icawe kaMfundisi uShepherd Bushiri obaleka abasemagunyeni eMzantsi Afrika.
Lo mbutho ubhengeze esi sigqibo eThekwini ngenjikalanga yangoLwesibini ngethuba ubuthetha noonondaba. UShivambu, obekwesi sikhundla sikaNobhala Jikelele ukusukela kunyaka ophelileyo kweyeNkanga, uthe uza kuqhubeka nomsebenzi wakhe kwiMK Party ngaphandle kwamathandabuzo.
"Ndifuna ukuthatha eli thuba ndibulele uMongameli uJacob Zuma kunye neenkokeli zeMK Party kunye nobulungu ngokundinika iindima ezibaluleke kakhulu [kulo mbutho] zokuba nguMququzeleli kaZwelonke kunye noNobhala Jikelele.
"Ndifuna ukuqinisekisa ukuba amaGosa kaZwelonke athabathile isigqibo endisamkela ngokupheleleyo njengelungu elinengqeqesho leMK Party, ndiye ndathunyelwa kwakhona kwiNdlu yoWiso-mthetho kwaye ndiza kuqhubeka nokuqhubela phambili iajenda nenkqubo yeMK Party," utshilo uShivambu.
Uqhubekile wathi: "Ndiyazisola ngesigqibo malunga notyelelo lwaseMalawi ebesingahambelani nomgaqo-siseko weMK Party njengoko bekutshiwo kwingxelo. Ndiyalwamkela ngokupheleleyo uxanduva olutsha; ndiza kuqhubeka ukudlala indima kwaye siza kukhokela umbutho ukuya kunyulo loorhulumente basemakhaya luka2026 kunye nempumelelo yesininzi kunyulo lukazwelonke luka2029."