Iindaba

Babanjiwe abayanyaniswa noqweqwediso lweloli elayisha inyama eGqeberha

Zenande Maqubela|Published

Babanjiwe abarhanelwa abayanyaniswa nokuqweqwedisa iloli elayisha inyama.

Image: NewsTeam AI Lab

Kubanjwe abarhanelwa ababini, naboyanyaniswa nokuqweqwediswa kweloli elayisha inyama, nethe kwiveki ephelileyo yaqweqwediswa ngabarhanelwa abahlanu nababexhobile, kufutshane naseBayland.

Ngokwengxelo ekhutshwe sisithethi samapolisa uCaptain Andre Beetge, ngoLwesihlanu, kwiveki ephelileyo, emva kwentsimbi yesine emalanga, ngamadoda amahlanu nabexhobile, ehamba ngemoto yohlobo lweToyota Tazz eluhlaza aqweqwedise iloli, kwindlela uR75, kufutshane neBayland, isendleleni eya eDespatch.

Aba barhanelwa bathe banyanzela umqhubi nabancedisi bakhe ababini ukuba bakhwele kwimoto yabo, nethe kamva yafunyanwa ishiywe KwaZakhele. Amapolisa aseDespatch athe afumanana ingxelo ngokuqweqwediswa kweloli, ze aqalisa uphando lwawo.

Ingxelo iqhuba ithi, kwangolu suku lunye, amapolisa ecandelo leK9, afumene le loli ibiqweqwedisiwe, ishiywe ingasenanto, eMilner Avenue, eSydenham. Kwintsebenziswano yamapolisa namacandelo ohlukeneyo, uphando lwawo lukhokelele kwinkqubela phambili kweli tyala. 

Ngomhla wama30 kuCanzibe, kwindawo eseHart Road, eSidwell kuthe kwaqhutywa ugqogqo, nalapho kufunyenwe inyama ekwixabiso leR9 000, ze kwabanjwa umrhanelwa oneminyaka engama39 ngokufunyanwa nezinto ezibiweyo.

Ukanti wona amadoda amahlanu angenamaphepha, naphakathi kweminyaka engama25 ukuya kuma37, afunyenwe kule ndawo, aye abanjwa, kwaye kungokunje agcinwe kwisikhululo samapolisa eAlgoa Park.

UCaptain Beetge uqhube wathi, ngomhla wama31 kuCanzibe, malunga nentsimbi yesibhozo kusasa, indawo yentselo ekwisitalato iJijana, eWells Estate, amapolisa enze ugqogqo kule ndawo, nalapho kufunyenwe inyama exabiso layo likumaR9000, nakuba kungakhange kubekho mntu ubanjwayo.

Amapolisa ecandelo leK9 athe afumana iloli yohlobo lakwaNissan ngoMvulo, umhla we2 kule nyanga, abamba umrhanelwa oneminyaka engama25, eMilitary Road, eCentral, eGqeberha. Le loli iyabandakanyeka kuqweqwediso, kwaye kusolwa ukuba kuye kwasetyenziswa yona ukuhambisa inyama ebiweyo.

Umrhanelwa ujongene netyala eliphantsi kwelo loqweqwediso lweloli elayisha inyama.

Uphando luyaqhuba.