Iindaba

Likhulile inani labo baxhomekeke kwizibonelelo

Siyabulela Mqikela|Published

Ingxelo yeStats SA ibonisa ukuba linyukile inani labafumana izibonelelo kurhulumente.

Image: Itumeleng English/IndependentNewspapers

Ingxelo yabakwaStatistics South Africa (Stats SA) ibonisa ukuba likhulile inani labantu beli abaxhomekeke kwizibonelelo zikarhulumente. 

Le ngxelo ithi ngamashumi amane ekhulwini leepesenti abantu beli abaphila ngokukhongozwa ngurhulumente ngezibonelelo zakhe. 

Ngokwenani lokubalwa kwabo bafumana ezi zibonelelo ngamashumi amabini anesihlanu ezigidi abantu abaxhomekeke kwizibonelelo zikarhulumente. 

Ngaxeshanye, le ngxelo ibonisa ukuba izinga lentswelo ngqesho linyuke layakutsho kumashumi amathathu anesibini ekhulwini leepesenti eMzantsi Afrika kwisiqingatha sokuqala sonyaka ka2025.

OnguMlawuli kwiStats SA uRisenga Maluleke uthi le ngxelo ibonisa ukuba urhulumente uthwele uxanduva olukhulayo lokondla abantu abangenangeniso emakhayeni abo.

"Inani labo baxhomekeke kwizibonelelo zikarhulumente linyuke ukusukela ngonyaka ka2003 ukusuka kwishumi elinesibini leepesenti laza layakuma kumashumi amathathu eepesenti ekhulwini ngonyaka ka2017," kutsho uMaluleke.

Le ngxelo ikwabonisa ukuba kukho ukwehla kwenani labantu beli abafumana imirholo ngokwengqesho.

"Ukungena kwemirholo ezitasini zoluntu kuncedisa ukugcina inani labo bafumana izibonelelo liphantsi kuba abantu bekwazi ukuziphilela ngokufumana imirholo yabo," ucacise watsho uMaluleke.

Ukukhula ngezinga eliphantsi kwemeko yezoqoqosho eMzantsi Afrika kubangela ukuba linyuke inani labantu abadinga imisebenzi. Ukungakhuli koqoqosho kubangela uxinzelelo kwabezoshishino baze bathathe isigqibo sokuvala amashishini aqesha uluntu.