Iindaba

URamaphosa noTrump baza kudibanisa iintloko

Cwayita Nondula|Published

UMongameli Cyril Ramaphosa negqiza lakhe baza kuzama ukulungisa ubudlelwane babo neMelika kutyelelo lwabo kwela lizwe.

Image: Sihle Mlambo/IOL

UMongameli uCyril Ramaphosa uphelekwa ligqiza labaphathiswa kutyelelo lwaseMelika apho baza kuba nendibano noMongameli uDonald Trump ukuzama ukulungisa ubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika neMelika. 

Igqiza eliza kunceda uMongameli Ramaphosa kolu thethwano liquka, uMphathiswa wezoLimo uJohn Steenhuisen, uMphathiswa wezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe uRonald Lamola, uMphathiswa wezoRhwebo noShishino uParks Tau kunye noMphathiswa kwiOfisi kaMongameli uKhumbudzo Ntshavheni. Umthunywa okhethekileyo eMelika, uMcebisi Jonas naye uza kuba yinxalenye yeli gqiza.

URamaphosa uza kudibana noTrump eWhite House ngoLwesithathu. Bobabini aba Mongameli kulindeleke ukuba baxoxe ngorhwebo kunye nobudlelwane bala mazwe mabini, phakathi kwezinye izinto.

Urhulumente woMzantsi Afrika kudala esithi uza kuqhubeka nothethathethwano neMelika kulandela inyathelo likaMongameli Trump ekuqaleni kwalo nyaka lokumisa inkxaso mali eya eMzantsi Afrika nanjengoko urhulumente wakhe [uTrump] ephanda ngezityholo zokuhluthwa komhlaba ezingeyonyaniso kulandela ukutyikitya kukaMongameli Ramaphosa umthetho wokuhluthwa komhlaba [Expropriation Act].

Kwingxelo ekhutshwe ngoMvulo, uSteenhuisen uthe imiba ephambili kuluhlu lwakhe iza kuba kukuqinisekisa ubudlelwane borhwebo phakathi kweMelika noMzantsi Afrika, ingakumbi kwezolimo, ukukhusela imisebenzi, ukukhulisa uqoqosho nokwandisa amathuba engqesho.

"Ubudlelwane boMzantsi Afrika neMelika bubaluleke kakhulu. Izivumelwano zorhwebo ezikhethekileyo ezifana neAGOA zinegalelo elikhulu kuqoqosho lwethu. Ukuphulukana nezi nzuzo kuya kuba ziindaba ezimbi kumafama, abasebenzi basezifama kunye noqoqosho ngokubanzi.

"Ubudlelwane phakathi kwamazwe abukho lula. Asinakwenza ngathi asijongani nemingeni eyodwa kwilizwe lethu. Eli gqiza eliya eWashington DC limele bonke abemi boMzantsi Afrika abasinike uxanduva lokubeka iimfuno zelizwe, kunye nomnqweno wokukhula koqoqosho nokudalwa kwemisebenzi kuqala, phambi kwawo nawuphi na umbutho, okanye iinkolelo," utshilo uSteenhuisen.

Kutshanje, amaBhulu oMzantsi Afrika angamashumi amane anesithoba (49) alifulathele ilizwe esiya eMelika ukuya kuba ziimbacu emva kwamabango awo okuba amaBhulu ayabulawa kwaye ahluthelwa imihlaba yawo eMzantsi Afrika.

URamaphosa uphinde wagxininisa uluvo lwakhe ngalo mba.

"Akukho kubulawa kwabantu eMzantsi Afrika ngokobuhlanga. Leyo yinyani ebonakaliswa bubungqina obuninzi. Andinalo uvalo lwanto. Siya phaya ukuze sixoxe ngorhwebo kunye nobudlelwane bethu njengamazwe amabini kwaye yile nto siza kugxila kuyo.

"Siyarhwebelana, ngoko ke kufuneka sinxibelelane. Kanye njengokuba naye edibana nabanye abantu kwaye nam ndidibana nabanye abantu, senza njalo kuba simele abantu bethu. Siza kuba neengxoxo ngorhwebo," utshilo uMongameli Ramaphosa.