Iindaba

Sibanjiwe isibini esishiye abantwana bodwa etyotyombeni batsha babhubha

Cwayita Nondula|Published

Isibini sibanjiwe emva kweentsana zabo ezazishiywe zodwa etyotyombeni zitshe zabhubha.

Image: iStock

Isibini saseFreyistata esineminyaka engama23 nama25 sibanjwe emva kokuba sishiye abantwana baso ababini, usana oluyintombazana oluneenyanga ezisixhenxe nenkwenkwana enonyaka neenyanga ezintandathu, bodwa etyotyombeni nabathe batsha babhubha ngethuba esi sibini siphumile siyokusela.

Esi sehlo senzeke kumatyotyombe asePetsana ngoMgqibelo, umhla wesithathu kuCanzibe 2025, eFreyistata, kuthwa aba bantwana batshe ngendlela engenakuqondwa.

"Ngethuba bekwindawo yentselo, esi sibini saxelelwa ngomnye wabahlali ukuba ityotyombe labo liyatsha. Baleqise babuyela kwindawo yexhwayelo nabafika amapolisa kunye noluntu olothukileyo sele bekhona. Kwakungelo xesha abantu baqonda ukuba abantwana babeshiywe bodwa," sitshilo isithethi samapolisa uWarrant Officer Mmako Mophiring.

Unobangela womlilo awukaziwa okwangoku. Amapolisa avule amatyala okufumana unobangela wokubhubha kwezi ntsana kunye nokungahoywa kwabantwana ukuze kuphandwe.

Esi sibini sibekwe ityala lokungahoywa kwabantwana kwaye bekulindeleke ukuba bavele phambi kweNkundla kaMantyi yaseReitz ngoMvulo, umhla wesihlanu kuCanzibe 2025.