Iindaba

Abarhanelwa abane babanjelwa iziyobisi eMonti

Cwayita Nondula|Published

Kubanjwe amadoda amane aseMonti emva kokufunyanwa neziyobisi.

Image: iStock

Abarhanelwa abane abangamadoda babanjwe ngoMvulo we28 kuTshazimpuzi 2025, beneziyobisi ngethuba lephulo lokuthintela ulwaphulomthetho lamapolisa elalibanjwe eQuigney naseOriental Plaza eMonti.

Eli phulo liqhutywe ngamalungu ecandelo elijongene nolwaphulomthetho, iCrime Prevention Unit, eMonti.

Isithethi samapolisa kumasipala waseBuffalo City uKapteni Hazel Mqala, uthi ngethuba bepatrola eQuigney, amapolisa amise agqogqa amadoda amabini aneminyaka engama21 nama38 ubudala, nathe avuma ukuba agqogqwe.

"Aba barhanelwa bafunyenwe beneengxowa zeplastiki ezincinci ezinentsangu ezingama38 kunye nentsangu enye engabotshwanga.

"Emva kwexesha, ngelixa ejikeleza eOriental Plaza, amagosa abamba indoda eneminyaka engama38 ubudala efunyenwe neengxowa zeplastiki ezincinci ezingama50 zeTik (ezinobunzima be0.040 kg), iipilisi ezine ezipheleleyo zeBoss Mandrax, amaqhekeza angama20 esiqingatha seMandrax, amaqhekeza amancinci alishumi elinesithandathu eMandrax (enobunzima obuyi0.035 kg), kunye nesixa semali esingachazwanga," utshilo uMqala.

Ngexesha kuqhutywa eli phulo, indoda eneminyaka engama21 ubudala ibanjwe eOriental Plaza emva kokufunyanwa neepilisi ezipheleleyo zeMandrax ezingama50 kunye neengxowa zeplastiki zeTik ezingama20 ezincinci. Ujongene netyala elongezelelweyo lokuthengisa iziyobisi.

Bobane abarhanelwa kulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla kamantyi waseMonti ngomhla we29 kuTshazimpuzi 2025, bajongene nezityholo zokuba nentsangu, iMandrax, iTik, kunye nokuthengisa iziyobisi.