Kubhaqwe usana olusandul’ ukuzalwa emgqomeni eNgcobo eMpuma Koloni.
Image: iStock
Amapolisa aphanda ityala lokufihlwa kokuzalwa (concealment of birth) emva kokuba kufunyenwe usana kufutshane nenye yeendawo zokulala eNgcobo ngoMgqibelo umhla we26 kuTshazimpuzi 2025 malunga nentsimbi yesithandathu kusasa.
Kutyholwa ukuba amapolisa abizelwe kwindawo yexhwayelo ze athi akufika afumana usana olusandul’ ukuzalwa oluyintombazana lusongwe ngeempahla lulahlwe emgqomeni, ngokokutsho kwesithethi samapolisa uKapteni Namhla Mdleleni.
UMdleleni uthi ityala lokufihlwa kokuzalwa, iconcealment of birth ngelasemzini, livuliwe.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancede ngolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kukanina womntwana ukuba atsalele umnxeba umcuphi uLieutenant Colonel Tembelani Mfundisi ku-082 441 8433. Okanye atsalele iCrime Stop ku-08600 10111 okanye athumele iinkcukacha ngokusebenzisa iMySAPS App.