UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo, uGqirha Nobuhle Nkabane ethetha noonondaba eMthatha.
Image: YouTube Screenshot
Kwingxubakaxaka yeYunivesithi iWalter Sisulu (WSU), uMphathiswa weMfundo ePhakamileyo, uGqirha Nobuhle Nkabane, ungqinile ukuba uSisonke Mbolekwa owadutyulwa wabhubha kwikhampasi yaseMthatha ngenene wayengumfundi obhalisiweyo. Oku kuchasene namabango angaphambili athethwe ngabaphathi beyunivesithi, abathi uMbolekwa akangomfundi okanye umsebenzi weli ziko.
Ngethuba ethetha noonondaba kwikhampasi yaseWSU eMthatha ngoLwesithathu, uMphathiswa uNkabane uthumele amazwi ovelwano kusapho lomfundi ongasekhoyo ngethuba ekhalimela kabukhali isehlo sobundlobongela esenzeke kweli ziko lemfundo. "Ngelishwa, njengeSebe, sikhuphe ingxelo ngaphandle kokumjonga kakuhle ukuba ungumfundi okanye akanguye," utshilo.
Emva kokubhideka, uNkabane uyalele uMlawuli Jikelele ukuba aqinisekise ukuba uMbolekwa ebengumfundi eWSU. "Ngokweengxelo zethu zikaNSFAS, intlawulo yokugqibela ethunyelwe kule yunivesithi nakumfundi ibisekupheleni konyaka ophelileyo," ungqine watsho.
Iziganeko zakutshanje eWSU ziye zaqatsela ngentseni yangoLwesibini ngethuba abafundi beqhankqalazela imeko embi yokuhlala kwiindawo abahlala kuzo, besithi abaphathekanga kakuhle. Njengokuba izinto ziye zaqatsela, uqhanqalazo lwajika lwanobundlobongela ngethuba umphathi ojongene neendawo ezihlala abafundi kubikwa ukuba wadubula aba bafundi, nto leyo ebangele ukubhubha kukaMbolekwa konzakala abanye ababini.
Ukusabela kubundlobongela obugqubayo kule yunivesithi, uMphathiswa uNkabane ubhengeze ukuba iSebe lakhe lizimisele ukuphonononga imigaqo yokhuseleko eyenzelwe ukukhusela abafundi kumaziko emfundo ephakamileyo kwilizwe liphela. "Sisebenza ekomelezeni izikhokelo zethu zokhuseleko ezilawula amaziko ethu," utshilo.
UMphathiswa uvakalise ukuzimisela kwakhe ukuqinisekisa ukuba iWSU iyayithobela imigaqo emalunga neendawo abahlala kuzo abafundi. Uthe uza kuphinda atyelele ukuze abone ukuba iyunivesiti iyayithobela na imigaqo yendlela iindawo ezihlala abafundi kufuneka zibe ngayo.
Njengenxalenye yokuzibophelela kwakhe ekuxhaseni usapho lomfundi ongasekhoyo, uNkabane uceba ukutyelela eMatatiele namagosa aphezulu ngomso ukuyonika imbeko.