Iindaba

iWSU ithi umntu obhubhe kuqhankqalazo akangomfundi wayo

Cwayita Nondula|Published

IYunivesithi yaseWalter Sisulu ithi umntu obhubhe kuqhankqalazo akangomfundi wayo.

Image: WSU

IYunivesithi yaseWalter Sisulu (WSU) ityhola ngelithi umntu obhubhe kuqhankqalazo olwenzeke ekuseni namhlanje kwikhampasi yaseMthatha ayingomntu ufunda kule yunivesithi okanye umsebenzi wayo.

Abaphathi beWSU bathi bazigxeka kabukhali zonke iintlobo zobundlobongela nayo nantoni na ebeka ubomi nokhuseleko lwabasebenzi nabafundi babo emngciphekweni.

Esi siganeko senzeka emva kokuba abafundi beqhankqalaze ngenxa yemeko embi yeendawo abahlala kuzo. Kutyholwa ngelithi abafundi baye kumanejala wendawo abahlala kuyo nohlala kweli ziko nosapho lwakhe bekhalazela le ngxaki.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana, lo manejala udubule abafundi, nto leyo ebangele ukuba omnye abhubhe ze abanye ababini babalekiselwe esibhedlele ukuze bafumane unyango.

"Kukwavakala ukuba abafundi baqokelelana kwaza kwatshiswa imoto yalo mphathi kwabethwa nenkosikazi yakhe entloko. Olu sapho luhlangulwe ngamapolisa aseMthatha ePublic Order Policing," utshilo uGantana.

Abaphathi beWSU batyhola ngelithi olu qhankqalazo luqhambuke ngaphandle kwesaziso, kwaye akukho sikhalazo sisemthethweni okanye ileta yesinyanzelo eye yathunyelwa kubaphathi beyunivesithi.

"Uthethathethwano lokuqala nebhunga elimele abafundi (ISRC) ludize ukuba iinkokeli bezingazi ngoqhanqalazo olucwangcisiweyo lwabafundi. Okwangoku, unobangela woku awukacaci, kwaye uphando luyaqhubeka," batshilo abaphathi kwingxelo.

Abaphathi bale yunivesithi bakwathi abafundi bangene ngenkani kwikhaya lalo mphathi elikwakweli ziko. "Kwesi siganeko sobundlobongela, inkosikazi yalo msebenzi yonzakele kakhulu kwaye ngoku ifumana unyango esibhedlele. Lo msebenzi nabantwana bakhe abancinci kuye kwafuneka bahlangulwe ngamapolisa," batsho abaphathi beWSU.

Bakwaqinisekisa ukuba abafundi ababini 'bafumene ukonzakala okungephi' ngexesha lesi sehlo kwaye sele bephume nasesibhedlele.

Eli phephandaba lizamile ukufumana abameli babafundi ukuze bakwazi ukuphefumla ngalo mba kwaye alikwazanga ukubafumana phambi kokuba eli nqaku lipapashwe.