UMongameli uCyril Ramaphosa uza kutyelela iphondo leMpuma Koloni.
Image: GCIS
Ukusukela ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga, uMongameli weli uCyril Ramaphosa uza kuba kutyelelo kwiphondo leMpuma Koloni.
Ingxelo ithi uRamaphosa, ephelekwa ligqiza labaphathiswa bakhe, uza kuqala ngokutyelela uMasipala wesithili saseNelson Mandela Bay. Othethe egameni leOfisi kaRamaphosa, uVincent Magwenya, uthi olu lutyelelo leentsukwana.
"UMongameli uza kuba seMpuma Koloni iintsuku ezimbini kuphela, ngomhla weshumi elinesithandathu uza kuba egqithela kwenye indawo," kutsho uMagwenya. Kuthwa uza kuphelekwa ngabaphatiswa kwakunye noosekela baphathiswa ngeenjongo zoku.
"Ezinye zezinto ezilindelekileyo kukuba adibane namagosa aphezulu kurhulumente weMpuma Koloni, ukuze kamva acaciselwe ngokuqhubekayo ekwizibuko laseNgqura," kucacisa uMagwenya. Uthi kulindeleke ukuba uRamaphosa anikwe ingcaciso ngamagosa aphezulu akwaTransnet ngokuqhubeka kumazibuko eMpuma Koloni.
"NgoLwesithathu uRamaphosa uza kuba edibana neNkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane kwakunye negqiza labaphathiswa bakhe, enye yeenjongo eziphambili kukuphucula umgangatho wokugqithiswa kweenkonzo eMpuma Koloni," utsho uMagwenya.
Ukungqanyaniswa kweenkqubo zikarhulumente kazwelonke kwakunye nezo zorhulumente wephondo leMpuma Koloni yenye iinjongo zotyelelo lukaMongameli uRamaphosa.
"Olu iza kuba lutyelelo lesihlanu phakathi korhulumente weMpuma Koloni kwakunye norhulumente kazwelonke ngeenjongo zokuqinisekisa ukugqithiswa kweenkonzo eluntwini," kutsho uMagwenya.