UBrent Bozell uchongwe njengonozakuzaku omtsha waseMelika eMzantsi Afrika.
Image: Screenshot
UMongameli welizwe laseMelika uDonald Trump utyumbe uBrent Bozell ukuba abe ngunozakuzaku welizwe laseMelika kweli loMzantsi Afrika.
UBozell uza kuthatha indawo kaReuben Brigety, ekulindeleke ukuba abuyele ekhaya eMelika. Ekuqaleni kwalo nyaka uTrump ebethembise le ndoda inguBozell ukuba iza kuba ngumphathi weUnited States Agency for Global Media.
Oku kuvela emva kweeveki abantu baseMelika beqaqadisha ngoyena umntu uza kungena endaweni kaBrigety njengonozakuzaku waseMelika eMzantsi Afrika.
Kwiveki ephelileyo osisithethi sikaMongameli uCyril Ramaphosa, uVincent Magwenya, wakhupha iingxelo zokuba akukho lwazi abanalo malunga nokutshintshwa konozakuzaku waseMelika kweli.
"Silusapho lakwaBozell kudala sihambisana nezimvo nendlela aqhuba ngayo uMongameli Donald Trump, ukungena kwakhe esikhundleni unike uxolelo unyana wam kumatyala akhe okuchaphazeleka kuqhankqalazo lomhla wesithandathu kweyoMqungu ka2021," kucacisa uBozell.
UTrump unike uxolelo abaqhankqalazi abangaphezu kwewaka ababanjwa bavalelwa ngenxa yenxaxheba yabo kuqhankqalazo lwango2021.
Ukutshintshwa konozakuzaku waseMelika kweli kuza kanye ngexesha apho ilizwe loMzantsi Afrika nalo lisakhangela ubani oza kungena endaweni yalowo ebengunozakuzaku weli eMelika uEbrahim Rasool othe wagxothwa kwela lizwe.
URasool sele ehleli intlanganiso kwakunye noMphathiswa wemicimbi yezangaphandle kweli uRonald Lamola nekulindeleke ukuba kamva kuthunyelwe ingxelo kuMongameli uCyril Ramaphosa malunga nentlanganiso leyo.