Iindaba

Amagqabantshintshi: Intetho yohlahlo lwabiwo mali yaseMpuma Koloni ka2025

Cwayita Nondula|Published

UMphathiswa wezeMali eMpuma Koloni, uMlungisi Mvoko, esenza intetho yohlahlo lwabiwo mali ka2025 eBhisho ngoLwesibini.

Image: Mlungisi Mvoko/Facebook

UMphathiswa wezeziMali eMpuma Koloni, uMlungisi Mvoko, wenze intetho yohlahlo lwabiwo mali eBhisho ngoLwesibini, echaza utshintsho olumandla kwisicwangciso semali kweli phondo. Nanga amagqabantshintshi entetho yohlahlo lwabiwo mali.

 

  • Uhlahlo lwabiwo mali lulonke nentsilelo:

    Eli phondo liza kufumana imali engaphaya kwamashumi alithoba eebhiliyoni zeerandi (R97.6 billion) kurhulumente kazwelonke, equka ngaphaya kwamashumi asibhozo eebhiliyoni zeerandi (R82.4 billion) njengesabelo esilinganayo kunye nezibonelelo ezinemiqathango ezingaphaya kweshumi elinesihlanu leebhiliyoni zeerandi (R15.2 billion). Uhlahlo lwabiwo mali lwephondo lonyaka-mali ka2025/26 zizibhiliyoni ezilikhulu lilonke (R100 billion), nto leyo ekhokelele kwintsilelo yohlahlo lwabiwo-mali olungaphaya kweebhiliyoni ezimbini zeerandi (R2.3 billion).

  • Akukho nkxaso-mali yongezelelweyo yabelweyo:

    UMvoko ubhengeze ukuba kwiNkqubo-sikhokelo yeNkcitho yesiGaba esiPhakathi sika2025 (MTEF), akukho zibonelelo zongezelelweyo ziya kwabelwa amasebe. Endaweni yoko, amasebe kufuneka afune ezinye iindlela zokufumana inkxaso-mali, equka intsebenziswano phakathi kukarhulumente namashishini abucala (PPPs), inkxaso-mali yabaxhasi, kunye nokutshintsha izinto.

  • Ukukhuthaza ezinye iindlela zokufumana inkxaso-mali:

    UMvoko ubongoze amasebe ukuba ajonge iindlela ezahlukeneyo zenkxaso-mali ukuxhasa ingxowa-imali yephondo, equka ukurhweba phakathi kwamaqela ahlukeneyo kunye nokuzibophelela kwinkxaso-mali enemiqathango. Eyona njongo kukuphucula uzinzo lwemali.

  • Amalinge okonga iindleko:

    Iphondo liza kusebenzisa izicwangciso-qhinga zokonga iindleko ezifana nohlahlo lwabiwo-mali apho iindleko kufuneka zivavanywe kwixesha ngalinye elitsha, uphononongo lwenkcitho, kunye nohlengahlengiso lwemodeli yonikezelo lweenkonzo ukuqinisekisa ulwabiwo olugqwesileyo lwezibonelelo nokusebenza ngempumelelo.

  • Ugxininiso kuhlumo olubandakanyayo:

    Phantsi komxholo othi “Inclusive Growth and Development Through Government Allocative Efficacy,” olu hlahlo lwabiwo mali lujolise ekubekeni phambili inkxaso yabantu abahlelelekileyo nabasemngciphekweni logama kukhuthazwa ukukhula koqoqosho nokudalwa kwemisebenzi.

  • Ubume botyalo-mali lwabucala:

    UMvoko ugxininise ukubaluleka kokuyila imeko efanelekileyo kutyalo-mali lwabucala, ukuphuculwa kweziseko ezingundoqo zoluntu, kunye nokubandakanya amashishini kwizicwangciso zokutsala utyalo-mali olongezelelweyo.

  • Ukunciphisa intsilelo:

    Ukukhawulelana nentsilelo yohlahlo lwabiwo mali, uMvoko uthe ngaphaya kwebhiliyoni enye yeerandi (R1.8 billion) iza kuthathwa kwingeniso yephondo, kunye nengaphaya kwamakhulu amahlanu ezigidi zeerandi (R506.8 million) koovimba.

  • Ukubeka phambili ukhuseleko loluntu:

    Intlanganisela yoKhuseleko lweNtlalo, yoLuntu kunye noPhuhliso loLuntu kulindeleke ukuba ifumane imali engaphaya kwamashumi asixhenxe eebhiliyoni zeerandi (R79.4 billion) kunyaka-mali ka2025/26, ngelixa iCandelo lezoQoqosho, uTyalo-mali, iNgqesho kunye noPhuhliso lweZiseko zoPhuhliso lwabelwe ngaphezulu kweshumi elinesithandathu leebhiliyoni zeerandi (R16.4 billion).

  • Utyalo-mali kuphuhliso lweziseko ezingundoqo:

    Iziseko ezingundoqo zibalulwa njengondoqo oqhubela phambili ukukhula koqoqosho, apho iSouth African National Roads Agency (SANRAL) ityale amashumi amabini eebhiliyoni zeerandi (R20 billion) kwiziseko ezingundoqo zeendlela. Iprojekthi yeN2 Wild Coast iyodwa kulindeleke ukuba ikhule iye kumashumi amahlanu anesithandathu eebhiliyoni zeerandi (R56 billion) ngo2027.

  • Uphuculo lweziseko zophuhliso zikaloliwe:

    Injongo ye'Project Ukuvuselela' ijolise ekuphuculeni umthamo womzila kaloliwe phakhathi kweGqeberha neGauteng kwaye kuqikelelwa ukuba idale imisebenzi engathanga ngqo engama9500 nemisebenzi ethe ngqo engama2500 kwiphondo, notyalo-mali olungaphezu kweebhiliyoni ezisibhozo zeerandi (R8.4 billion).

  • Utyalo-mali kwiziseko ezingundoqo zentlalo:

    ISebe lezeMfundo liza kufumana imali engaphaya kwebhiliyoni enye yeerandi (R1.9 billion) yokwakhiwa nokulungiswa kwezikolo, ngelixa iSebe lezeMpilo nalo liza kufumana ngaphezulu kwebhiliyoni enye yeerandi (R1.6 billion) ukuze kuphuculwe amaziko ohlukeneyo, kuquka nesibhedlele iNelson Mandela Academic Hospital.

  • Inkxaso-mali yophuhliso lwezindlu:

    Yimali engaphaya kwebhiliyoni enye yeerandi (R1.5 billion) ebekelwe iSebe lokuHlaliswa koLuntu, enjongo yayo ikukwakha izindlu ezingama4970, ngaloo ndlela kushukuxwe ingxaki yezindlu kweli phondo.

  • Imibutho ephikisayo ephikisana nohlahlo lwabiwo mali:

    Umbutho iDemocratic Alliance (DA) uvakalise ukuxhalaba malunga nohlahlo lwabiwo mali, ngelithi alunasicwangciso esicacileyo sokuvuselela uqoqosho kweli phondo.