Ukhetshe waseMzantsi Afrika ubhabhe wayakufika kwilizwe laseFinland.
Image: File
Emva kokuba efakelwe ubuxhakaxhaka bokulandela umzila (GPS), ukhetshe weli loMzantsi Afrika undize iintsuku ezingamashumi amane anesibini ukuya kufika kwilizwe laseFinland.
Ingxelo ithi ngosuku lo khetshe ebehamba umgama ongangamakhulu amabini namashumi amathathu eekhilomitha.
Unqumle kumazwe akwilizwekazi laseAfrika ehamba ngomzila ongajikajikiyo ukusinga kwilizwe laseFinland.
Umzila wakhe ocacileyo ubonisa ukuba uhambe ngendlela egqitha kumlambo iNile endanda phezu kwelizwe laseSudan naseJiphethe.
Kubonakala ukuba ubediniwe ukundanda phezu kolwandle laseMediterranean, endaweni yoko ugudle ilizwe laseSyria nelaseLebanon.
Kuthiwa lo khetshe ukwahambele kude nolwandle iBlack Sea ngenxa yezizathu zemozulu engathembekanga kule ngingqi.
Lo khetshe uhambe ngokuzipholela ukuya kungena kwilizwe laseFinland, kwaye kulindeleke ukuba ajongwe kwakho xa eqalisa ukushiya ela lizwe ebuyela ekhaya eMzantsi Afrika.
Maxa wambi iintaka ezinje ngalo khetshe zibuya ukuphela kobusika kweli cala, zihlala kulo mazwe de kugqithe ubusika eMzantsi Afrika okanye kwiindawo ezinobusika obubandayo.
Iintaka ezifana nalo khetshe ikwazizo ezithwala izifo nezityalo ezingaqhelekanga ukusuka kwenye indawo ukuya kwenye.
Ngonyaka ka2018 uMasipala waseMalahleni ebexakene nesityalo esingaziwayo kweli loMzantsi Afrika esasibulala iinkomo, nekwathi kamva kwafunyanwa ukuba eso sityalo sasibuya kwilizwe laseChina.
Maxa wambi aba khetshe nezinye iintaka bathwala izithole, iimbewu nezityalo ezifika ziqhube kakuhle kulo ndawo bathe bazishiya kuyo ngobulongwe bazo.