UPhumeza Macingwane exhagwe ngabantwana bezikolo abathathe inxaxheba kukhuphiswano loncwadi obeluququzelelwe yiMandelwa Libali kuntshanje kwaBhaca.
Image: ML/Facebook
Abantwana abaphuma kwizikolo eziphantsi kwesithili sase'Alfred Nzo baphinde bathatha inxaxheba kukhuphiswano loncwadi kutshanje ebeliququzelelwe yiMandelwa Libalo Festival. UPhumeza Macingwane wakwaBhaca – kodwa oseGoli ngokuhlala, waqala iphulo lokulola izakhono zokubhala nokufunda iincwadi ngeelwimi ezimbini, isiXhosa nesiNgesi.
Wasungula iqumrhu elingenzi nzuzo ekuthiwa yiMandelwa Libali ngonyaka ka2023 ukuze akwazi ukunceda ulutsha olunomdla kuncwadi endaweni awazalelwa kuyo. Nakulo unyaka abantwana abaneminyaka eyi13 ukuya kweyi25 babonakalise umdla omkhulu – kodwa iinzame zakhe zisaqhwalela ngenxa yokuswela imali.
Nakubeni kunzima, uMacingwane uzamile umsebenzi wenzeka encediswa ngamagosa esebe lezemfundo azinikeleyo e'Alfred Nzo. "Injongo yethu kukubona olu khuphiswano lusenzeka unyaka nonyaka. Sifuna abantwana base'Alfred Nzo District bakwazi ukubhala iincwadi, ukufunda nokubalisa amabali eendawo zabo," utshilo uPhumeza.
Eyona nto ayifunayo kukushicilela iincwadi zabantwana abaphumeleleyo unyaka nonyaka. Lisachasele okwelanga elo phupha likaPhumeza ngoba akanayo imali. Kodwa akazimiselanga ukunikezela ngenxa yalo nto.
"Ndiyifuna ashicilelwe onke amabali wabantwana abaphumeleleyo. Kusenzima ngenxa yokuswela inkxasomali. Iseliphupha lethu ukufumana inkxaso engasinceda sishicilele iincwadi zababhali unyaka nonyaka," utshilo uMacingwane emva kwesiqendu salo nyaka ebesitaka iintlantsi.
Ababhali abaphumeleleyo bafumene amakhulu amahlanu (R500) nezetifiketi emva kokugqwesa kwamabali nemibongo yabo ebhaliweyo. Umsebenzi uhambe kakuhle ngenxa yokuzijula kukaMnu. Mbuqe nomama uThuntulwana abaqokelele abantwana bezikolo zase'Alfred Nzo District ukuze kugqanyiswe iitalente zabo.
Kukhuphiswano lababhali abathembisayo, omnye wabaphumeleleyo, uAsive Sitemele, ubuyele kowabo eMatatiele encumile okosana emva kokuqhuba kakuhle kukhuphiswano obelukwaBhaca. "Ukhuphiswano kulo nyaka belungokuzithemba. Into endenze ndingenele kukuba ndifuna kukhule italente endinayo.
"Kumandi kum ngoba iMandelwa Libali ikwazile ukundiveza ebantwini njengombhali ofuna ukuba ngumbhali osemgangathweni ophezulu," utshilo uSitemele. UPhumeza uvale ngelithi benza ukhuphiswano ngoba abafuni ilibaleke imvelaphi yoncwadi e'Alfred Nzo.
Related Topics: