Iindaba

IGolden Arrow ineebhasi ezintsha zombane

Cwayita Nondula|Published

Ibhasi yombane yeGolden Arrow.

Image: Isaac Sileku/X

Inkampani yeebhasi yaseKapa iGolden Arrow Bus Services (GABS) ifumene iibhasi zombane ezingamashumi amabini eziya kusetyenziswa kwizitalato zaseKapa. Likhulu leebhasi zombane ekulindeleke ukuba zithunyelwe kulo nyaka yinkampani yaseTshayina iBYD.

Kufakwe iindawo zokutshaja ezingamashumi amathathu (30), ezi ndawo zokutshaja ziya kwandiswa ukuya kumashumi amathandathu (60) kunye nezixhobo zokutshaja ezilikhulu elinamashumi amabini (120) kwisiqingatha sesibini sika2025, itsho ingxelo.

Ibhasi yombane yeGolden Arrow itshaja.

Image: Isaac Sileku/X

Ngonyaka ka2021, iGABS yavavanya iibhasi ezimbini zombane kwaye kwakukho ukungaqiniseki malunga nokufaneleka kolu hlobo lwebhasi kushishino lweebhasi zaseMzantsi Afrika.

Umphathi weGABS uFrancois Meyer uthe le yinto abazingca ngayo beyiGolden Arrow kuba ngonyaka ka1896 babeyinkampani yokuqala yeebhasi ukuba netram yombane eMzantsi Afrika, kwaye ngoku emva kweminyaka elikhulu elinamashumi amabini anesithoba (129), bangabokuqala ukuba neebhasi zombane kweli.

"Eli lithuba lokuba amashishini enze izinto ngeendlela ezahlukeneyo, amkele izisombululo zezothutho zolondolozo kunye nokudala amathuba emisebenzi. Le yinto eyimbali kwilizwe lethu esinokuthi sonke sizingce ngayo," utshilo uMeyer.

IGolden Arrow ineebhasi ezintsha zombane