iGcuwa Mall eza kwakhiwa ekuqaleni kwedolophu kwindlela esuka ngaseDutywa, iza kugqamisa iGcuwa ngendlela emangalisayo.
Image: Uthunyelwe
Inkampani eyaziwayo ekuthiwa yiShenge Property Group ithembisa ngokuguqula ubomi babantu baseGcuwaneziphaluka zayo. Oku kuvele ngethuba kuphethulwa isoyi kwindawo ekuza kwakhiwa kuyo udederhu lweevenkile ekuthiwa yiGcuwa Mall kwiveki eslulileyo kwidolophi yaseGcuwa.
Ukwakhiwa kweGcuwa Mall, ekunethuba elide kuthethwa ngako, sekuqalille ecaleni kwendlela esuka eDutywa (uN2) kanye ekuqaleni kwedolophi yaseGcuwa. Le yinkqubela eza kuyiguqula iGcuwa nabantu bayo naphakade.
Yimali engaphaya kwamakhulu amathathu anamashumi amahlanu ezigidi zerandi (R350-million) ekuza kwakhiwa ngayo iGcuwa Mall ngokutsho kweShenge Property Group, inkampani eyenze utyalomali. Yinqwaba yemisebenzi eza kuvela ngethuba lolwakhiwo, kanti kuza kuba njanlo naxa igqityiwe iGcuwa Mall eza kuba neeveki ezingamashumi amahlanu (50).
Uqoqosho laseGcuwa luza kufunquka futhi nobomi babantu buza kuguquka ngoba abaninzi baza kufumana amathuba okusebenza okokuqala ebomini babo. Isakhiwo esitsha siza kuyinika amandla idoloph yaseGcuwa njengenye yeendawo eziphambili kwicala loqoqosho ngokutsho kwayo ingqonyelwa yakwaShenge Property, uSeabelo Theledi.
"Sakha iGcuwa Mall eza kuhlumisa uqoqosho iphakamise noosomashishini baseMnquma. Ukubambisana kwethu noosomashishini nabantu balapha kugqamisa ukuzibophelela kwethu kuphuhliso kule ndawo," utshilo uTheledi kwiMyBroadband.
Yena uZilisa Magocoba weLuwie Properties waleke ngelithi ngokwenene ukwakhiwa kweGcuwa Mall kuza kuphucula ubomi babantu. Liwaka elinamakhulu amahlanu (1500) inani lemisebenzi eza kudalwa ngethuba lolwakhiwo. Kuvunyelwene ukuba kufuneka kuqalwe ngabantu baseGcuwa xa kuqeshwa.
Ngaphakathi kuza kuvulwa indawo yezithuthi (iikhombi ezilayisha abantu) kuphuculwe neendlela ezikufutshane neGcuwa Mall eza kuthi ngcu kufutshane neGaraji esekuqaleni kwedolophi. Ngaphandle kokunika abantu ithuba lokuthenga endaweni ekhuselekileyo, iGcuwa Mall iza kuvula indawo yabathengisi basekuhlaleni.
Related Topics: