Umgaqo-nkqubo weelwimi weYunivesithi yaseKapa ukhuthaza ukusetyenziswa kweelwimi ezininzi kwezemfundo.
Image: File
IYunivesithi yaseKapa (UCT) kutshanje iphumeze umgaqo-nkqubo wolwimi oza kwenza ukuba isiXhosa sisetyenziswe kunye nesiNgesi nesiBhulu kulo lonke unxibelelwano lweyunivesithi.
Ukongeza, umgaqo-nkqubo uchonge iAfrikaaps (Kaaps), uLwimi lokuThetha ngeZandla loMzantsi Afrika (SASL) nesiKhoekhoegowab kunye neN|uu njengeelwimi eziya kuphuhliswa yiUCT.
"Lo mgaqo-nkqubo ugxininisa ukukhuthazwa kweelwimi zeenkobe zoMzantsi Afrika ebezijongelwa phantsi ekufundiseni, ekufundeni, kuphando nakunxibelelwano. Oku kuquka ukuxhasa isiXhosa njengolwimi lokufundisa, ecaleni kwesiNgesi, nokukhuthaza abafundi nabasebenzi ukuba basebenzise iilwimi eziliqela kumsebenzi wabo," utshilo iNgqonyela uNjingalwazi Mosa Moshabela.
Ukufundisa nokufunda ngomnye wemigaqo ephambili yalo mgaqo-nkqubo, ngokutsho kukaMoshabela, othe bonke abafundi abangekabinazidanga (undergraduates) abangakwaziyo ukuthetha ulwimi lwesintu loMzantsi Afrika baza kukhuthazwa ukuba benze izifundo zonxibelelwano lwesiXhosa.
"Kubafundi abasele benezidanga (postgraduates), sijolise ekufuneni izishwankathelo zamaphepha ePhD ziguqulelwe kolunye lweelwimi zesintu. Ukongeza, siya kuxhasa ukusetyenziswa kwezi lwimi kwimisebenzi yesikolo," utshilo uMoshabela.
UMoshabela uqhube wathi lo mgaqo-nkqubo ubonisa ukuzinikela kweUCT ekwenzeni ulwimi luvale izikhewu zokunqongophala kolwazi, inkqubela phambili, nobuchule endaweni yokuba kube ngumqobo kwimfundo.