Ucenga i-Isuzu eJapan uPaul Mashatile.
Image: Supplied
Kutyelelo lwakhe eJapan, uSekela Mongameli weli uPaul Mashatile ubambe indibano ekwiqoqo eliphezulu nezikhulu zenye yeenkampi eziphambili ezivelisa iimoto kweli uIsuzu.
UMashatile ubambe indibano ejoliswe ekukhuliseni nasekuqiniseni amalinge oshishino phakathi koMzantsi Afrika nomphathi wakwaIsuzu eJapan, uMasanori Katayama.
Inkampani yakwaIsuzu eJapan ivelisa ikwathengisa iimoto, iinjini zedizili nezinye izixhobo zokulungisa imoto.
"Ndihamba nabaphathiswa abahlukeneyo abaquka owezolimo uJohn Steenhuisen, kunyaka ophelileyo iSebe lezoLimo libambisene namafama ethu lithumele umthwalo wokuqala weeavokhado apha eJapan," kucacisa uMashatile.
Ukuthunyelwa kwalo mthwalo kwakulandela ukupheliswa kokukwaywa kweemveliso zolimo zoMzantsi Afrika eJapan.
"Inkampani yakwaIsuzu ineziko elikhulu elivelisa iimoto elibizwa ngokuba yi-Isuzu Motors South Africa eStruandale eGqeberha, kwaye eli ziko lelokuqala ukuba lisungulwe ngaphandle kwelizwe laseJapan," uqhayisa atsho uMashatile.
Olu tyelelo lufika kusuku lwesithathu namhlanje umhla weshumi elinesibhozo kwaye lusuku lokugqibela. UMashatile uthi oku kubonisa ukuba ilizwe laseJapan lilithembile ilizwe loMzantsi Afrika ngeendlela zonke.
"Ziimoto zohlobo lweIsuzu ezikumashumi amabini anesibhozo amawaka ezithi ziveliswe kwiziko lakwaIsuzu eStruandale eGqeberha, oko kuthetha ukuba baninzi abantu bethu abaxhamla ngenxa yale nkampani yaseJapan," utsho uMashatile.
Ukanti uKatayama yena uqhayisa kakhulu ngomsebenzi osele uqhubekile phakathi kwenkampani yakhe i-Isuzu kwakunye nelizwekazi laseAfrika. "Sivelisa iimoto zethu kumazwe angamashumi amabini anesithandathu kwilizwekazi laseAfrika, kobo budlelane uMzantsi Afrika udlala indima ephambili," kutsho uKatayama.
Kulindeleke ukuba uSekela Mongameli weli abuyele eMzantsi Afrika kwezi ntsuku nanjengoko eluqukumbele utyelelo lwakhe eJapan.
Related Topics: