Iindaba

Abantu bayabagxeka oobhaka babafundi abajika babe ziidesika nezitulo

Cwayita Nondula|Published

UMphathiswa weMfundo esiSiseko uSiviwe Gwarube kunye neprojekthi entsha yedesika esongekayo yeSebe lakhe iyagxekwa luluntu.

Image: Twitter

UMphathiswa weMfundo esiSiseko uSiviwe Gwarube kunye neSebe lakhe bayagxekwa ngokuzisa iibhegi zesikolo ezinamavili ezijka zibe ziidesika nezitulo ezisongekayo ekufuneka abafundi abahlelelekileyo baziphathe esikolweni. IMpuma Koloni neNtshona Koloni ngamaphondo athe axhamla kweli phulo.

Ezi desika, zenziwe yiMiDesk Global zaxhaswa ziinkampani ezinkulu ezifana noMcDonald's kunye no-Old Mutual, ziibhegi zesikolo ezinamavili ajika abe yidesika esebenza ngokupheleleyo kunye nesitulo – esi situlo sinesibane selanga kunye nendawo yokutshaja yeUSB.

Abanye abantu bafanise ezi bhegi zesikolo ezijika zibe ziidesika nezitulo nezithuthuthu zeenqwelo zezigulana zeSebe lezeMpilo eMpuma Koloni ngexesha leKhorona. Ezi bhegi kuthiwa zinobunzima obuziikhilogram ezimbini kwaye abantu kumakhasi onxibelelwano bavakalise inkxalabo ngobunzima bazo kubafundi ekufuneka behambe imigama emide ukuya esikolweni.

UGwarube uzithethelele ezi desika ezisongekayo ngelithi zingqinwe ngokwenzululwazi ukuba ziyasebenza. "Ezi desika zamkelwe yiUNESCO. Zinobunzima beekhilogram ezimbini, kwaye iUNESCO ithi oku kufanelekile. Ayinguye wonke umntwana ekufuneka ethathe idesika aye nayo esikolweni, angayishiya idesika esikolweni okanye ayiguqule ibe yibhegi yesikolo.

Idesika esongelayo kunye nesitulo esiguquka sibe yibhegi yesikolo.

Image: Twitter

"Eyona nto ibalulekileyo kum kukuba kukho abantwana kweli loMzantsi Afrika abagoduka besiya kwiindawo namakhaya apho bengenandawo yokwenza umsebenzi wesikolo wasekhaya. Isizathu sokuba le nto ibe yinto evunywe liSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe kukuba inobuchule, ivumela umntwana osuka kwikhaya elihlwempuzekileyo, apho kungekho mbane abe nesibane esimvumela ukuba enze umsebenzi wakhe wesikolo, kukwavumela nokuba abe nendawo yokuba akwazi ukwenza umsebenzi wakhe wesikolo wasekhaya."

I-COPE iyaligxeka iSebe

Umbutho iCongress of the People (COPE) uyikhalimele into abayibiza ngokuba kukutyabela uphawu loshishino kumagumbi okufundela aseMzantsi Afrika. "I-COPE imi kunye nemibutho yoluntu ekugxekeni umkhwa owothusayo wokungeniswa kwamaphawu lwamashishini kumagumbi okufundela aseMzantsi Afrika njengoko kubonwe ngomnikelo wakutshanje weMcDonald's ebizwa ngokuba yiMiDesk kwizikolo zaseKapa."

I-COPE ithe eli nyathelo libonisa ukuthotywa okuyingozi kwamalungelo abantwana kunye nokungcatshwa komsebenzi wombuso womgaqo-siseko wokukhusela nokuphakamisa abona bantu basesichengeni.

Lo mbutho ukwathe lo mnikelo kaMcDonald’s utsala abantwana ekuthengeni kokutya okunamafutha amaninzi, iswekile kunye netyiwa ngexesha ilizwe lizamazamana nobhubhani wokutyeba ngokugqithiseleyo.

"I-COPE iyalikhaba eli qhinga likaMcDonald's elenza ngathi lenza isisa ngelixa lixhamla kwingxaki yezempilo ngokunceda ukuba iqhubeke," itshilo iCOPE kwingxelo.