Iindaba

Libanjiwe ixhwele elithubelezise intwazana

Cwayita Nondula|Published

Libanjiwe ixhwele elithubelezise intwazana.

Libanjiwe ixhwele elithubelezise intwazana.

Ixhwele libanjelwe ukuthubelezisa emva kokuba lithembise intwazana (17) yaseMozambique ukuba iza kufumana umsebenzi kwisaluni eMzantsi Afrika kodwa lonke elixesha lalifuna ukumenza umfazi walo.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seeHawks eMpumalanga, uLieutenant Colonel Maonseni Nkosi, ixhoba lithathwe eXai Xai eMozambique.

“Ekufikeni kwakhe eHendrina, eMzantsi Afrika, ixhwele kutyholwa ukuba laxelela ixhoba ukuba akukho mathuba omsebenzi, kodwa lalifuna ukumenza umfazi walo.

“Ixhoba kutyholwa ukuba labethwa ladlwengulwa, lanikwa namayeza ekukholelwa ukuba ngamayeza esintu asuka exhweleni,” utshilo uNkosi.

Ixhoba lahlangulwa kwiinyanga ezisibhozo kamva ngumntu owayedlula ngendlela owaxelela amapolisa ngentlungu yalo. Ixhoba kutyholwa ukuba lalivalelwe ukusuka ngenyanga yeNkanga ka2023 de laqhwesha kweyeKhala ngo2024.

Kuthiwa ngethuba icandelo leeHawks eliphanda ngolwaphulomthetho olunobuzaza nolulungelelanisiweyo elizinze eSecunda lisiva ngesi sehlo, liqhube iphulo lokwazisa uluntu ngokuthubeleziswa kwabantu ePiet Retief.

“Iqela lathathele kulo lenza uphando olongezelelweyo. Umrhanelwa kutyholwa ukuba wabalekela eMozambique. Wabanjwa kwangoko emva kokubuyela eMzantsi Afrika ngoMvulo, umhla we24 kweyoMdumba 2024,” utshilo uNkosi.

UNkosi uthe iiHawks ziza kubandakanya neSebe leMicimbi yezeKhaya kuba ubume bomrhanelwa buyathandabuzeka. Amagama akwisatifikethi sakhe nakwincwadi yokundwendwela awahambelani.

Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseHendrina namhlanje.