Le yimoto efunyenwe kumrhanelwa, nekuqinisekisweyo ukuba yebiwe. Umfanekiso: SAPS
Kubanjwe kwavalelwa indoda eneminyaka engamashumi amathathu anethoba (39), eBuffalo Flats, emva kokufunyanwa kweziyobisi eziqikelelwa kwiR80 000, kuphando oluqhutywe ngamapolisa eMonti.
Ingxelo ekhutshwe nguCaptain Hazel Mqala, ithi, amapolisa afumene iinkcukacha ngemoto ebikrokrisa, ijikeleza eBuffalo Flats. Amapolisa athe alandela emkhondweni wale moto ukuya eParkside, nalapho ethe akwazi ukuyimisa.
Ukanti kuthe xa kujongwa iinkcukacha zale moto, kwafunyaniswa isiqinisekiso sokuba ibiwe, kwaye ikwayanyaniswa nelinye ityala eWalmer, eGqeberha.
Ingxelo iqhuba ithi, ugqogqo oluqhutywe kule moto, lukhokelele ekufunyanweni kweziyobisi zohlobo lwemandrax, kwanebhokisi evaliweyo nebinemali engachazwanga, kwakunye nemipu emibini engenazimbumbulu.
Uphando oluqhutywe ngamapolisa luwakhokelele kwindawo yokuhlala yomrhanelwa, nalapho kuthe kwafunyanwa iipilisi zeziyobisi zohlobo lwemandrax ezingamakhulu alithoba anesixhenxe (907), iibegi ezimbini zesiyobisi sohlobo lwetik ebunzima buyi280 grams, kwanesinye isixa semali.
Umrhanelwa uye wabanjwa ngoko nangoko, kwaye ujongene namatyala okuba nemoto ebiweyo, ukuba neziyobisi, kwanemipu.
Kulindele ukuba lo mrhanelwa avele phambi kwenkundla yamatyala eMonti kungekudala.
Related Topics: