Dean Macpherson onguMphathiswa wemisebenzi yoluntu.
UMphathiswa wemisebenzi yoluntu kweli uDean Macpherson uqukumbele utyelelo lwakhe eKuwiat nekulindeleke ukuba agqithele eUnited Arab Emirates, eSaudi Arabia naseQatar.
Utyelelo lwakhe kwela lizwe kulindeleke ukuba luqukunjelwe ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kule nyanga kwelaseQatar.
Olu tyelelo lujoliswe ukumema abatyali zimali bala ngingqi abanokuza kweli ukuza kutyala imali kwiinkqubo zokuvuselelwa kweziseko zentlalo. UMacpherson uphelekwa nguMphathiswa wemisebenzi yoluntu kwiphonda laseLimpopo uErnest Rachoene namanye amagosa aphezulu kurhulumente.
Kuthiwa injongo yoku kukutsala abatyali zimali kwimicimbi yokwakhiwa kwezisekho ukuze iphucuke imeko yoMzantsi Afrika.
“Injongo yethu ephambili kukuba sikwazi ukufumana inkxaso yabatyali zimali eqikelelwa kumashumi asixhenxe eebhiliyoni zeerandi ukuze kuqhubeke iinkqubo zokwakhiwa kwezisekho zentlalo,” kutsho uMacpherson.
UMacpherson uncome indima edlalwe ngumzi wozakuzo weli kwilizwe laseKuwait nebangele ukuba bakwazi ukubamba iintlanganiso eziphambili.
“Simbabe intlanganiso eqhube kakuhle kakhulu neKuwait Chamber of Commerce ngeenjongo zokucenga oosomashishini bela lizwe ukuba beze kutyala imali eMzantsi Afrika, iqhube kakuhle kakhulu,” kutsho uMacpherson.
Ngaphambili, iNkulumbuso yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, utyelele ela lizwe ngeliyakuzama ukurhweba ebezoshishino ukuba basondele eMpuma Koloni.
Related Topics: