Owayesakuba ngumphengululi zincwadi jikelele kweli uPali Lehohla.
Owayesakuba ngumphengululi zincwadi jikelele kweli nosele esidla umhlala phantsi, uGqirha Pali Lehohla, uthi akukho mfuneko yokuba urhulumente weli aboleke imali ukuze kulungiswe ingxaki zezimali kweli.
ULehohla uthethe oku emva kokuba uMphathiswa wezimali kweli uEnoch Godongwana ethe wanqumamisa intetho yohlahlo labiwo mali yonyaka ka2025 ngomzuzu wokugqibela.
Zidumile iingxelo zokuba le ntetho inqunyanyiswe kukuba uGodongwana netshomi zakhe bebefuna ukunyusa irhafu yeVAT ngeepesenti ezimbini.
Phakathi kweenkokheli zopolitiko kukho ezo zinoluvo lokuba kuza kufuneka kuye kubolekwa imali ndaweni ithile ukuze kungaqhutyelwa phambili nokunyuswa kweVAT.
”Ayikho imfuneko yokuba kubolekwe kwezinye iindawo, uMzantsi Afrika unako konke ngoko ungaboleka kwalapha kwezingxowa zikhoyo kwilizwe loMzantsi Afrka,” kucacisa uLehohla.
Uthi ilizwe loMantsi Afrika linazo iimpendulo zengxaki zezimali, koko ingxaki yeli lizwe bubusela bemali, kutsho uLehohla.
”Ilizwe loMzantsi Afrika lelinye lamazwe angamashumi amathathu ehlabathini aneStock Exchange ezisemgangathweni, zininzi indlela zokulungisa le ngxaki ngaphandle kokujonga ngaphandle,” kutsho uLehohla.
Uthi amazwe aphuhlileyo kwihlabathi aboleka imali kwingxowa ezifana nemali yomhlala phantsi wabasebenzi kulungiswe loo ngxaki.
“UMzantsi Afrika ungaboleka nawo kwingxowa mali yomhlala phantsi wabasebenzi ukuze kungacinizelwa abantu ngokubahlawulisa irhafu ephezulu ngokunyusa Ivat,” ugadlele watsho uLehohla.
Uthi urhulumente makalungise ingxaki yolawulo olubangela ukuba kubelula kumasela ukuba imali yabantu.”Oku kumiswa kwentetho yohlahlo labiwo mali ayilolokugqibela,kodwa kusezakuphinda kumiswe intetho yohlahlo labiwo mali,”utsho uLehohla.
UMphathiswa wezimali kweli uEnoch Godongwana kulindeleke ukuba abambe indibano engxamisekileyo namalungu epalamente achaphazelekayo ngoMvulo umhla wamashumi amabini anesine, ngelilungiselela intetho yakhe yangomhla weshumi elinesibini kwinyanga yoKwindla.
UGqirha Pali Lehohla ukhonze ilizwe loMzantsi Afrika njengomphengululi zincwadi iminyaka elishumi elinesixhenxe ukusukela ngo2000 ukuya ngo2017.
Related Topics: