Iindaba

Kufunyenwe iinkomo ezibiweyo ezixabisa ngaphezulu kwezigidi ezibini zeerandi

Cwayita Nondula|Published

Iinkomo ezibiweyo ezifunyenwe ngamapolisa. Umfanekiso: SAPS

Iinkomo ezibiweyo ezifunyenwe ngamapolisa. Umfanekiso: SAPS

Iphulo lamapolisa kutshanje likhokelele ekufumaneni iinkomo ezibiweyo ezingama208 ezixabisa imali engaphaya kwezigidi ezibini zeerandi (R2,8 million), kwakunye nenye imfuyo ebiweyo nemipu engekho mthethweni eSulenkama kuQumbu nakwimimandla eyingqongileyo.

Ugqogqo lweentsuku ezintathu phakathi kwezithili, oluqhutywe ukususela ngomhla we12 ukuya kowe14 kweyoMdumba 2025, lwakhokelwa licandelo lokubiwa kwemfuyo kunye nezilwanyana ezisemngciphekweni, ngenkxaso evela kumacandelo eVispol, Mounted, kunye neK9.

Iinkomo ezibiweyo ezifunyenwe ngamapolisa. Umfanekiso: SAPS

Amagosa aphuma kwisithili saseAlfred Nzo, eJoe Gqabi, naseOR Tambo asebenze kunye ukulandela umkhondo wemfuyo ebiweyo, ukunyanzeliswa kwemithetho yokuphawulwa, kwanokuthintela imipu engekho mthethweni, sitshilo isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo.

“Amapolisa akhwela amahashe (Mounted) aba nendima ebalulekileyo ekubuyiseleni imfuyo kwimimandla esezintabeni. Abarhanelwa abathathu abaphakathi kweminyaka engama27 ukuya kuma65 babanjelwa ukuba nemipu engekho mthethweni, omnye ekwafunelwa ityala lokubetha ngenjongo yokonzakalisa kuQumbu,” utshilo uMatyolo.

Izinto ezifunyenweyo:

  • Iinkomo ezingama208 ezixabisa iR2,8 million
  • Iigusha ezili15 ezixabisa iR22,500
  • Iibhokhwe ezingama25 ezixabisa iR25,000
  • Imipu emibini engenampepha-mvume yohlobo lwe9mm
  • Imijikelo engama46 yeembumbulu ze9mm
  • Iilitha ezingama78,850 zotywala obuthathiweyo
Iinkomo ezibiweyo ezifunyenwe ngamapolisa. Umfanekiso: SAPS

Ukongeza, abanini bemfuyo abali14 baye bahlawuliswa iR4,250 ngokusilela ukubeka uphawu kwimfuyo yabo, imfuneko esemthethweni ejoliswe ekuthinteleni ubusela bemfuyo. Amapolisa abongoze abanini bemfuyo abachaphazelekayo ukuba bandwendwele indawo ekugcinwa kuyo izilwanyana kwamasipala ukuze bazifanisa kwaye babuyise imfuyo yabo.

UMatyolo uthe abasemagunyeni bayigxininisile into yokuba ukubiwa kwemfuyo kusaqhubeka nokugrogrisa uluntu lwasemaphandleni, kodwa olu gqogqo luphumeleleyo lungqina ukuba amapolisa ayaqinisa iinzame zawo zokunqanda ulwaphulomthetho.

“Njengoko kuqhubeka amaphulo kunye nokunyanzeliswa ngokungqongqo kwemithetho yemfuyo, abezomthetho bathumela umyalezo ocacileyo wokuba amasela emfuyo aza kujongana nengalo yomthetho,” utshilo uMatyolo.