UDuduzile Zuma-Sambudla noFloyd Shivambu.
Emva kwengxelo yakhe yokuqala yokuxolisa egxekwe ngabantu abathi uDuduzile Zuma-Sambudla akazange abhekise okanye alikhankanye igama likaNobhala Jikelele weMK Party uFloyd Shivambu emva kokumthuka kwikhasi lakhe lonxibelelwano, uye wacela uxolo kwakhona.
Intombi yowayesakuba nguMongameli uJacob Zuma, uZuma-Sambudla, kutshanje uthuke uShivambu kwikhasi lakhe lonxibelelwano uX, phakathi kwezinto athe wazithetha – wambiza “Mafikizolo” kunye “neyona nto imbi eyehlela iMK”. UZuma ukhuphe ingxelo egxeka ukuziphatha kwentombi yakhe wayiyalela ukuba ixolise okanye ijongane neziphumo ezibi.
Abantu babona ngathi uZuma-Sambudla ebengakaxolisi ngqo kuShivambu kuba akazange abize igama lakhe xa ecela uxolo. Kwisihlandlo sesibini ecela uxolo, uqinisekise ukuba uyalikhankanya igama lakhe.
“KuNobhala Jikelele weMK Party, iqabane lam, uFloyd Shivambu, uMongameli Jacob Zuma, amalungu ombutho, abalandeli kunye nabantu baseMzantsi Afrika; ndiyaxolisa ngokungazenzisiyo ngezinto ebendisandul’ ukuzibhala esidlangalaleni kuX, ezibangele ukhubekiso, iyantlukwano nokuphazamisa kwiMK Party nangaphandle,” utshilo uZuma-Sambudla kwingxelo.
“Ndiyavuma ukuba amazwi nezenzo zam zophule umgaqo wokuziphatha wombutho, kwaye ndizisola kakhulu ngawo nawuphi na umonakalo owenziwe ngamazwi am. Ndithatha uxanduva olupheleleyo lwezinto endizithethileyo kwaye ndizibophelele ekuphakamiseni imithetho-siseko nesidima seMK Party ukuya phambili,” utshilo.
Ukwacele uxolo kuwo onke amaqumrhu asebenza kuwo aquka iPalamente yoMzantsi Afrika kunye neSouthern Caucus yePan-African Parliament.