UGqirha Mbuyiseni Ndlozi uzibandakanye nePower FM. Umfanekiso: Nkosinathi Shazi/Power FM
UGqirha Mbuyiseni Ndlovu orhoxe njengelungu le’EFF ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower Talk kwisikhululo sikanomathotholo iPower FM.
UNdlozi kulindeleke ukuba abe kumaza omoya ukusuka ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu, ukususela ngentsimbi yethoba ekuseni ukuya kweyeshumi elinesibini emva kwemini, ukuqala kwinyanga ezayo nge3 kweyoKwindla.
Ezi ndaba ziqinisekisiwe ngexesha lodliwanondlebe kwinkqubo ebizwa The Chairman’s Conversation ebhexeshwa nguSihlalo weQela leMSG Afrika uGiven Mkhari.
“Unomathotholo ngaphezu kweminye imithombo yonxibelelwano ugcina ilizwi lomphulaphuli, kwaye uqhutywa lolo nxibelelwano.
“Ndiyijonge ngamehlo abomvu oko, kodwa nokubonelela ngezixhobo zobukrelekrele ezinceda abantu bethu baphile ubomi obungcono, nokuba kuphuhliso loluntu, ishishini, kwigumbi lokufundela, kunye namagcisa, abenzi bobuchule – kunye nokwenziwa kwemigaqo-nkqubo yezopolitiko,” utshilo uNdlozi ethetha ngombono wakhe ngenkqubo yakhe.